UBrayan León ngumdlali omtsha weMamelodi Sundowns.
Image: Facebook
Umdlali omtsha, uBrayan León, ubalule izizathu ezibangele acande ulwandle azokudlalela iMamelodi Sundowns kwilizwe loMzantsi Afrika. Le ndedeba yaseColombia yaziswe ngokusesikweni kubalandeli ekuqaleni kwale veki emva kokuthengwa kwakhe ngemali eqikelelwa kwizigidi ezingaphezulu kwamashumi amahlanu eerandi (R50 million).
ULeón, 25, uthe ugqibe kwelokuba eze eMzantsi Afrika ngoba ukhangela indawo entsha eneenjongo eziphakamileyo njengeSundowns ayichaze njengeqela elisemgangathweni ophezulu.
Ekugalelekeni kwakhe ePitoli, uthathwe ngabaphathi bamsa ePolokwane – apho oogxa bakhe abatsha babila besoma khona enkampini ngelilungiselela isigaba sesibini sesizini esiqala kwiqela ezayo.
Amasandawana aza kuqala imidlalo yeBetway Premiership enyakeni omtsha ephantsi koxinizelelo ngenxa yeOrlando Pirates eyibhukuqe kwindawo yokuqala phambi kokusongwa konyaka ka2025. Nakubeni kunjalo, anethuba lesiqalo esibhetele ngenxa yabadlali abatsha abafikileyo abaquka uBrayan León onconywayo.
UBrayan uthe imbali yeSundowns yokuthatha iindebe luphawu olubonisayo ukuba uthathe isigqibo esifanelekileyo. "Ndikhethe iSundowns ngoba ndifuna ukwenza into entsha," utshilo uBrayan kwikhasi lomnatha leqela lakhe elitsha.
"Ndicinga ukuba iSundowns liqela eliphumeleleyo futhi elikhulu. Kuhle ukuba kwiqela elineenjongo zokuphumelela. Ndinethemba lokuyibuyekeza iSundowns. Ndilapha ngoba ndifuna ukuphumelela iindebe ndikhulise neqela ngakumbi," utshilo uBrayan León. Amasandawana athathana neOrbit College emdlalweni weBetway Premiership oza kube usePitoli ngomhla weshumi elinethoba kule nyanga.
Omnye wabadlali abaza kujongwa kakhulu kwiSundowns kulo nyaka nguMonnapuleng Saleng othengwe kwiPirates ebibolekise ngayo kwiOrbit College emva kokungamsebenzisi ixesha elide ephilile. Ungumdlali osemgangathweni ophezulu ngenxa yetalente anayo.