Ezemidlalo

'Sifuna ukuphumelela indebe yeBetway Premiership' - utsho uMoremi

Pedro Mapelo|Published

UTshepang Moremi uthi i'Orlando Pirates iza kulwela ukuphumelela iBetway Premiership.

Image: Backpagepix

Omnye wabadlali abaphambili, uTshepang Moreni, uthi i'Orlando Pirates ilwela ukuphakamisa indebe yeBetway Premiership kule isizini. Yiminyaka iPirates ifumana amathuba okubhukuqa iMamelodi Sundowns - kodwa yoyisakale esithubeni.

Nakubeni kwenzeke njalo ngaphambili, izinto zithande ukwahluka kule sizini eqhubekayo ngoba uAbdeslam Ouaddou wakhe iqela elinamandla futhi elikelemileyo. IPirates ivale unyaka ka2025 ihleli phezulu kwiBetway Premiership ngaphezulu kweMamelodi Sundowns ekwindawo yesibini.

Kwiinzame zePirates kule sizini, inethamsanqa ngoba inabadlali abasemgangathweni ophezulu njengoMoreni oyincedileyo yaphumelela iindebe ezimbini. Kwisigaba sokuqala sesizini, iPirates ithathe indebe yeMTN8 neyeCarling Knockout ngokulandelelana.

Lo nto yenze kwakhula ukuzithemba ebadlalini abaquka uMoremi ocinga ukuba iPirates ingatshayela zonke iindebe ezikhoyo. "Ndilithembile iqela lam, lingayimelela indebe yeBetway Premiership," utshilo uMoremi ethetha kwiPrimeSport ekuqaleni kwalo nyaka.

Nangona aBafana Bafana bephume kwangoko kwiAfrica Cup of Nations eqhubekayo eMorocco - kodwa uMoremi uza kuthatha apho ayeke khona kunyaka ophelileyo.

Ukuphumelela indebe yeBetway Premieship akufanelanga ukuba ibe yinto enzima kwiPirates ngoba idlala umdlalo obhetele futhi iyakwazi ukumelana neSundowns egqugqisayo.

"Siza kulwela ukuhlala phezulu ixesha elide. Sifuna ukuphakamisa indebe yeBetway Premiership ngoba abanye bethu bakube beqala ukuyifumana. Kungakuhle ukuva ubumnandi bokuyiphumelela.

"Emva kokuphumelela indebe yeCarling Knockout neMTN8 endincedise kuzo ngokufaka amagowuli, ndingavuya ukuphakamisa eyeBetway. Sizimisele ukuyiphumelela noxa sibazi ubunzima esijongene nabo. Ndiyithembile iPirates, singayiphumelela indebe," utshilo uMoremi obekade edlalela AmaZulu kwisizini edlulileyo.