Ezemidlalo

USinoxolo Kwayiba ufuna into enye kubalandeli beChippa United

Pedro Mapelo|Published

USinoxolo Kwayiba uzimisele ukuyilwela iChippa United emva kokushiya i'Orlando Pirates ekuqaleni kwalo nyaka.

Image: Facebook

Emva kokubuyela kwiChippa United kwiveki ephelileyo, uSinoxol Kwayiba ubeke iliso lakhe entweni enye enganceda iChippa United. UKwayiba uchithwe yi'Orlando Pirates emva kokunqatyelwa ngamathuba okudlala nangona imthathe eqhube kakuhle wade wangena nakwiqela lesizwe kwisizini edlulileyo.

Lo mdlali waseGqeberha wakhetha ukuya kwiPirates emva kokunceda iChippa United kwisizini egqithileyo phantsi kukaThabo September owaye wanikwa uphumaphele ngabaphathi kuba ephoswe kukungena kwiTop-8.

Ukubuya kwakhe uKwayiba kwamkelwe ngovuyo kwiChippa United ngoba idinga umdlali onjengaye okwaziyo ukufaka amagowuli. Nangona kunjalo, uAbdeslam Ouaddou khange amsebenzise kwiPirates ngoba kukho inqwaba yabadlali abafana naye futhi abasemgangathweni ophezulu nabakwazilyo ukuyibeka kwindawo ekuyo ngoku.

Ubuyela kwiChippa United atyikitye iminyaka emithathu kuyo. Kodwa kukho umahluko kweli ityeli ngoba kukho uxinizelelo ngenxa yokungaqhubi kwayo kakuhle kule sizini eqhubekayo.

"Molweni kuwo wonke umntu, igama lam ndinguSinoxolo Kwayiba obekade edlalela iPirates. Ngoku ndingumdlali weChippa United ebendikade ndidlalela yona," utshilo uKwayiba kwikhasi lonxibelelwano emva kokubuyela eGqeberha.

Uyibeke yacaca into ayifunayo kwiqela laseMpuma Koloni elisecicini likugecwa lizembe ekupheleni kwesizini. "Kuyandivuyisa ukubuyela ekhaya. Masixhase iChippa United, siyilwele sonke. Ndiza kulwela indawo yam eqeleni phambi kokuba ndifumane ithuba lokudlala ebaleni.

"Into endizama ukuyazi: singakwazi na ukuxhasa iChippa United? Sifuna ukulwa kule sizini. Nantso into endifuna ukuyithetha. Ndibuyile, ndicela nisixhase xa sisilwa. Enkosi," utshilo uKwayiba. Ufika iChippa United isemsileni emva kokungaqhubi kakuhle kule sizini.

Inamanqaku alithoba emva kwemidlalo elishumi elinesihlanu. Mnye kuphela umdlalo ewuphumeleleyo kubaqeqeshi abane kule sizini. Iza kudibana ne'Orbit College emdlalweni wokuqala weBetway Premiership kulo nyaka eRustenburg ngomhla wamashumi amabini anesine kule nyanga.