Mamelodi Sundowns’ Thapelo Maseko celebrates with teammates after scoring a goal during their African Football League match against Al Ahly UThapelo Maseko, obengumdlali weMamelodi Sundowns, uza kudlalela iqela laseCrypus ngemboleko. Umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix
Image: BackpagePix
Ukhululekile uThapelo Maseko emva kwethuba elide ekhangela indlela yokushiya iMamelodi Sundowns. Oku kulandela iindaba ezithi uMaseko kubolekiswa ngaye kwiqela lebhola ekhatywayo laseCyprus. Kuthiwa uza kudlalela iqela ekuthiwa yiAEL Limassol kwela lizwe.
UMaseko unethuba elide ekhala kwiSundowns ngenxa yokungadlaliswa kwakhe kuyo. Kunyaka ophelileyo wakhe wabhala umhlathi omde kwikhasi lonxibelelwano awagqamisa kuwo ukungonwabi kwakhe kwiSundowns eyagqiba kwelokuba imgcine nangona kunjalo.
UMiguel Cardoso umdlalise kancinci kakhulu. Wagqibela ukudlala ngendlela encumisayo uMaseko ngethuba kusekho uRulani Mokwena owachithwayo yiSundowns nangona wayephumelele iindebe ezimbini ezibalulekileyo.
UMaseko wathathwa yiSundowns etshisa esithi bhe kwiSuperSport United ngonyaka ka2023. Wazama ukudlala kwiqela lasePitoli - kodwa waphazanyiswa nakukonzakala. Kuthiwa uMaseko uza kudlalela iAEL Limmassol edlalelwa nguLuther Singh oyifolosi yalapha eMzantsi Afrika eyaziwayo.
Ukudlala kukaMaseko kwiqela laseCyprus kuza kumnika ithuba elihle lokuvuselela isakhono sakhe sokudlala ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu. UMaseko, 22, ngomnye wabadlali abanetalente emangalisayo futhi ungumdlali onamandla onokunceda iqela lesizwe nanini na xa edlala kakuhle.
Nangona iSundowns inomtsalane ebadlalini ngenxa yemivuzo ephezulu neebhonasi - kodwa izigqwalisile kwelinye icala ngenxa yokungabakhululi abanye abadlali xa befuna ukuhamba okanye bengalifumani ithuba lokudlala kuyo. ISundowns iza kuvula unyaka ngokudibana ne'Orbit College emdlalweni weBetway Premiership oza kube usePitoli.