UMonnapuleng Saleng obedlalela iOrbit Collenge ngoku ngumdlali weMamelodi Sundowns.
Image: Mamelodi Sundowns
Iindaba ezothuse abantu abaninzi ebholeni ekhatywayo zithi uMonnapuleng Saleng ngumdlali omtsha weMamelodi Sundowns. Ezi ndaba zibhengezwe yiMamelodi Sundowns ngale ntlwa. USaleng kwenziwe amaqashiso ngaye ixesha elide kwisizini ephelileyo emva kokungadlaliswa.
Ekuqaleni kwesizini eqhubekayo, i'Orlando Pirates iye yabolekisa ngaye kwi-Orbit College efikayo kwiBetway Premiership. Kulapho avuselele khona isakhono sakhe sokudlala ibhola ekhatywayo. Ukuthathwa kwakhe yiSundowns kothusile - kodwa kuyacacisa ukuba iPirates ayisamfuni.