Ezemidlalo

UHugo Broos akanalo ixesha labantu abafundekela kumakhasi onxibelelwano

Pedro Mapelo|Published

Umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, exhawulana nomdlali wakhe uMohau Nkota emva komdlalo weAfrica Cup of Nations.

Image: Khaled Desouki/AFP

Emva kokukhutshwa kwaBafana Bafana kumjikelo wesibini kwiAfrica Cup of Nations, abantu abaninzi bagxeke indlela asibophe ngayo umqeqeshi isikim sakhe emdlalweni wokugqibela.

UMzantsi Afrika ubuyele ekhaya izolo emva kokuba ubethwe yiCameroon ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obungempelaveki edlulileyo eMorocco - apho ibanjelwe khona iAFCON yalo nyaka. UHugo Broos uvakalise ukuphoxeka kwakhe emva komdlalo wokugqibela abadlali bakhe abaphose kuwo amathuba okufaka amagowuli.

Nangona naye ekhale ngamathuba angasetyenziswanga, uBroos akavumanga ukuhlaba amadlala esidlangalaleni. Uthe akanalo ixesha Labantu abathetha kakhulu kumakhasi onxibelelwano. Abahlalutyi bakugxekile ukusetyenziswa kwabadlali basemva abaninzi endaweni yokufaka abaninzi abahlaselayo.

"Okokuqala, andifuni ukuthetha ngendlela esidlale ngayo emdlalweni ogqithileyo. Andikho kumakhasi onxibelelwano ngoba kugcwele abantu abenza nje ingxolo," utshilo umqeqeshi ebhekisa ebantwini abamgxekayo emva kweAFCON.

"Ndinamava weminyaka engamashumi amane. Xa yonke intle, abantu abathethayo bathi cwaka. Bathetha kakhulu xa libethiwe iqela lesizwe. Ndingamelana nabo nokuba bathini ngabadlali endibachongileyo.

"Yiminyaka emine yonke ndilapha ndingavi ngabo futhi andizukubamamela nakwiinyanga ezizayo," utshilo umqeqeshi waBafana Bafana. Njengokuba uMzantsi Afrika uza kulungiselela ukuya kwitumente yehlabathi, uBroos uvumile ukuba uza kwenza uhlalutyo olunzulu.