Abadlali beSunrisers Eastern Cape bevuyela ukuwisa uthinti emdlalweni weqakamba.
Image: SA20
Emva kokuphumelela ngendlela encomekayo emdlalweni ogqithileyo, iqela laseMpuma Koloni leqakamba lijonge ukuphumelela umdlalo olandelayo ukuze landise amathuba walo okuphakamisa indebe.
Oku kuza kulandela emva kokuba iSunrisers Eastern Cape ibhulele amasaka iPretoria Capitals ngemvula yoothinti abalishumi emdlalweni weSA20 obubanjelwe eCenturion ekuqaleni kwale veki. Impumelelo emdlalweni ogqithileyo ithathe iSunrisers Eastern Cape yayibeka endaweni ephezulu kakhulu kwiBetway SA20.
Emva kokwenzelwa ityala lemitsi elikhulu elinamashumi asixhenxe anesixhenxe (177), uQuinton de Kock noJonny Bairstow bangene bayidlakaza yaphela tu iPretoria Capitals kwixeshana elifutshane. UDe Kock ufumene amashumi asixhenxe anethoba (79) emitsi kwiibhola ezingamashumi amane ananye (41).
Kwelinye icala, yena uBairstow waseNgilane uzuze amashumi asibhozo anesihlanu emitsi kwiibhola ezingamashumi amane anesihlanu. Umsebenzi waba badlali bobabini uncede iSunrisers ehleli phezulu ngoku.
Konke oku kwenzeke iSunrisers Eastern Cape ingalahlekelwanga kwelayo icala. UKapteni weSunrisers, uTristan Stubbs, uncome umsebenzi omhle owenziwe nguDe Kock noBairstow emva komdlalo ogqithileyo.
"Umdlalo ubumhle kakhulu. Bobabini abadlali bethu badlale iqakamba ebukekayo futhi bayayazi into efunekayo," utshilo uStubbs okhokelela iSunrisers Eastern Cape esele iphumelele imidlalo emithathu yabethwa kanye kule sizini eqhubekayo.
Iqela laseMpuma Koloni liza kulwela ukubetha iDurban Super Giants emdlalweni weSA20 oza kube ubanjelwe eKingsmead Stadium ngo17:30 ngoMgqibelo.
Njengeqela ebelikhe laziintshatsheli zeSA20 izihlandlo ezibini, iSunrisers iza kulwela ukuyintywilisela ngakumbi iDurban Super Giants esaphumelele umdlalo omnye wabethwa kwemibini. Nangona kunjalo, kufuneka ilumke ngoba iqela laseThekwini liza kulwela ukubuyisa isidiba salo.