Ezemidlalo

Akazimiselanga ukubhidliza okwnziweyo kwiDurban City umqeqeshi ofikayo

Pedro Mapelo|Published

USinethemba Badela ulungiselela umdlalo wakhe wokuqala njengomqeqeshi weDurban City.

Image: Durban City

Emva kokuthatha iintambo kutshanje, uSinethemba Badela akazimiselanga ukuchitha umsebenzi owenziwe ngumqeqeshi wangaphambili kwiDurban City.

UBadela ubhengezwe njengomqeqeshi omtsha weDurban City phambi kokusongwa konyaka ka2025 emva kokuba abaphathi bayo bagqiba kwelokuba bamkhombe emnyango uGavin Hunt owayeqale isizini. Nangona engegomqeqeshi onamava kakhulu, uBadela uthe vumbu kwiqela laseThekwini elinethemba lokuvala isizini eqhubekayo lisendaweni ebhetele xa kusphela isizini eqhubekayo.

UBadela, osemtsha kwicala lokuqeqesha kwiPSL, uqale isizini engumqeqeshi weChippa United. Wagxothwa nguMnu. Siviwe Mpengesi emva kwemidlalo emibini kuphela. Kuthiwa kwabakho ukungavani phakathi kwakhe nomphathi oyintloko malunga nabadlali awayebafuna.

Ungene ezihlangwini zikaGavin Hunt ogxethwe ngendlela engcacanga kakuhle - kodwa osele engumqeqeshi weStellenbosch FC ngoku emva kokuhamba kukaSteve Barker ongumqeqeshi omtsha weSimba SC yaseTanzania ukusukela kule nyanga.

UBadela uthe ufuna iDurban City idlale umdlalo ocacileyo ebaleni futhi uzimisele ukubakhulula abadlali bakhe. "Ndifuna iDurban City ilawule umdlalo ebaleni. Kubalulekile ukwenza umsebenzi sinebhola naxa singenayo.

Ndifuna abadlali badlale ngokululeka abadlali xa besebaleni futhi bazimisele," utshilo uBadela olungiselela umdlalo wakhe wokuqala kwiqela lebhola ekhatywayo laKwaZulu-Natal. IDurban City iza kwamkela iPolokwane City emdlalweni weBetwayPremiership oza kube useChatsworth Stadium ekuthambekeni kwale nyanga.

Emva kwemidlalo elishumi elinesihlanu, iDurban City ihleli kwindawo yesixhenxe ngamashumi amabini anesibini amanqaku. UBadela uthe akazubhidliza okwenziweyo, yena uza kongeza kumsebenzi owenziweyo kwisiqingatha sokuqala sesizini.

"Lenze umsebenzi oncomekayo iqela ukuza kuthi ga ngoku. Okwam kukuqhubela phambili nomsebenzi owenziweyo. Ndifuna ukunceda abadlali ukuze bakwazi ukudlala ngokukhululekileyo. Sizimisele ukuqinisekisa ukuba iDurban City liqela elidlala ibhola encumisayo," utshilo uBadela kutshanje.