USinoxolo Kwayiba ubuyele kwiChippa United emva kokukhululwa yi'Orlando Pirates.
Image: Facebook
Wamkelwe ngovuyo uSinoxolo Kwayiba liqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni. Oku kulandela emva kokuba echithwe yi'Orlando Pirates ekuqaleni kwale veki kulo nyaka omtsha.
Abaphathi bamaqela ngokwahlukana kwawo bakhangela abadlali abatsha phambi kokuqala kwesigaba sesibini sesizini emva kokusongwa kweAfrica Cup of Nations eqhubekayo eMorocco. UKwayiba, 25, ebephakathi kwenqwaba yabadlali ebhengezwe yiPirates ekuqaleni kwesizini eqhubekayo - kodwa emva kweenyanga ezimbalwa, uye wakhululwa.
Lo mdlali waseGqeberha ufudukele kwiqela lebhola ekhatywayo laseGauteng emva kokunceda iChippa United kwiisizini ezigqithileyo. Ukuthathwa kwakhe liqela elifana nePirates khange kothuse ngoba umsebenzi wakhe oncomekayo ububonakala wade wabizelwa nakwiqela lesizwe.
Ngelishwa lakhe uKwayiba, akakwazanga ukubethelela indawo yakhe kwiPirates phantsi kwesandla sakhe uAbdeslam Ouaddou omdlalise emidlalweni emine kuphela uKwayiba ongumdlali ohlaselayo oyingozi kakhulu xa enikwe ithuba lokudlala.
UKwayiba akakwazanga ukufumana ithuba lokudlala ngoba ebekhuphisana nabadlali abaquka uPatrick Maswanganyi, Oswin Appollis noRelebohile Mofokeng abadlala kakuhle kakhulu. Emva kokukhululwa kwakhe yiPirates, imamkele ngovuyo iChippa United eduda ndawonye emsileni weBetway Premiership.
Kuthiwa utyikitye isivumelwano seminyaka emithathu kwiChippa ebesuka kuyo phambi kokuya kwiqela laseSoweto. "Kuluvuyo ukwamkela uSinoxolo Kwayiba kwakhona kwiChippa United," itshilo ingxelo ebhaliweyo.
"UKwayiba ubuyela kwiphondo lakhe ngexesha elinzima kwiChippa United. Sicinga ukuba ubukho bakhe buza kuyinceda iChippa eligugu leMpuma Koloni. Sibulela intsebenziswano esiyifumene kwiPirates," itshilo ingxelo ekhutshwe yiChippa United.
Iqela likaSiviwe Mpengesi lisendaweni embi kakhulu kule sizini. Ukusukela oko iqalile, zange lisuke emsileni. Umdlali ofana noKwayiba angawenza umahluko kwiqela eliqeqeshwa nguVusumuzi Vilakazi ongene endaweni eshiywe nguLuc Aymael.