Ezemidlalo

Ushiyeke ephoxekile uHugo Broos emva kokubethwa kwaBafana Bafana

Pedro Mapelo|Published

LANDMARK GAME... UHugo Broos uvakalise ukuphoxeka kwakhe emva kokubethwa kwaBafana Bafana emdlalweni weAfrica Cup of Nations.

Image: Backpagepix

Babuyela ekhaya bephaca aBafana Bafana emva kokungahambi umgama omde kwiAfrica Cup of Nations kulo nyaka. Oku kulandela ukubethwa kwabo yiCameroon ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obuseRabat, eMorocco, ngeCawe edlululileyo.

Abantu abaninzi bashiyeke bephoxekile kukuphuma koMzantsi Afrika obufumene indawo yesithathu kwiAFCON edlulileyo. Umqeqishi weqela lesizwe, uHugo Broos, uphakathi kwabaphoxekileyo - kodwa ubakhusele abadlali bakhe ngelithi bawenzile umsebenzi.

ABafana Bafana bekufanele baphumelele ngaphandle kwamathandabuzo. Kodwa akubanga njalo emva kokuphosa amathuba amathathu acacileyo kwisigaba sokuqala somdlalo. Yona iCameroon ikwazile ukuwasebenzisa awayo amathuba avelileyo emdlalweni.

Umdlalo wona ubusemgangathweni ophezulu futhi bekucaca ukuba kudibene ooxholovane ebholeni ekhatywayo. "Ndicinga ukuba sidlale kakuhle kakhulu ngoba besinawo amathuba okufaka amagowuli. Ukuba besiwasebenzisile, besingeke sibethwe emdlalweni," utshilo uBroos emva komdlalo wokugqibela kwiAFCON.

"Ndicinga ukuba sibenelishwa kancinci emdlalweni wanamhlanje. Kodwa ndonelisekile yindlela esidlale ngayo kwisigaba sokuqala. Emva kokufakwa kwegowuli kuthi, kuye kwanyanzeleka ukuba sisebenzele ukufaka amagowuli amabini.

"Besinawo amathuba okufaka amagowuli amabini emdlalweni - kodwa kucacile ukuba imini ibingeyoyethu," utshilo umqeqeshi ogxekiwe emva kokuqala umdlalo ngabadlali abahlanu emva. Igowuli loMzantsi Afrika lokubika lifakwe nguEvidence Makgopa ongene kwisigaba sesibini.

"Igowuli lesibini elifakwe yiCameroon likhawuleze kakhulu kwisigaba sesibini. Besinawo nathi amathuba okulinganisa. Ingxaki yethu besikhabela phambili ibhola emizuzwini yokugqibela. Bakwazile ukuchitha iibhola zethu nabo kwelinye icala.

"Wonke umntu uphoxekile yindlela esiphume ngayo kwiAFCON - kodwa ndonelisekile yindlela esidlale ngayo umdlalo," uvale ngaloo mazwi uBroos ekulindeleke ukuba azame ukuxoza omnye umphini njengokuba iqela lakhe lilungiselela ukuya kwitumente yehlabathu ngo2027.