uAndre de Jong, obekade edlalela iStellenbosch FC, ngoku ngumdlali we'Orlando Pirates.
Image: Gerhard Duraan/BackpagePix
Njengokuba kuqala unyaka omtsha, abaphathi bamaqela ebhola ekhatywayo bathe sa iinzwane kwiindawo ngeendawo ngelikhangela abadlali abatsha. Oku kwenzeke emva kokuba iFIFA ivule ithuba lokuthengwa nokuthenga abadlali abatsha.
Phakathi kwamaqela akhawuleze afumana abadlali kukho i'Orlando Pirates ebhebgeze ukufika kwesiqwayi somdlali ogama linguAndre De Jong osuka kwiStellenbosch FC. UDe Jong ufika kwiPirates sekulithuba kuthethwa ngaye emva kokuvumelanga kwamaqela kwiinyanga ezidlulileyo.
Lo mdlali waseNew Zealand uzenzele igama esadlalela AmaZulu phambi kokuya kwiRoyal Am eyabhangayo. Kodwa uqaqambe kakhulu kwiStellenbosch FC adlale kuyo imidlalo engaphezulu kwekhulu.
Nangona engeyofolosi uDe Jong - kodwa ungumdlali oluncedo kakhulu kwabanye abadlali ebaleni. Uyingozi ngoba unalo iliso lamagowuli futhi ungumdlalo odlala ngokuzithemba. Njengokuba iPirates isilwela ukuphumelela indebe yeBetway Premiership, uDe Jong uza kwenza indima ebalulekileyo kwisigingatha sesizini esishiyekileyo.