Ezemidlalo

Babuyela ekhaya aBafana Bafana abakhutshwe yiCameroon kwiAfrica Cup of Nations

Pedro Mapelo|Published

Babuyela ekhaya aBafana Bafana emva kokubethwa yiCameroon namhlanje kwiAfrica Cup of Nations.

Image: Facebook

Indlela yoMzantsi Afrika ifikelele esiphelweni namhlanje. Oku kulandela ukubethwa kwawo yiCameroom emdlalweni weAfrica Cup of Nations obubanjelwe eAgdal Medina Stadium, eRabat, namhlanje ebusuku. Abantu abaninzi bashiyeke bephoxekile ngoba bekulindelwe lukhulu kuMzantsi Afrika obufumene indawo yesithathu kwiAFCON edlulileyo.

Bekufanele ukuba aBafana Bafana bankqenkqeze phambili ngamagowuli amathathu okungenani emva kokufumana amathuba acacileyo amathathu kwangoko kwisigaba sesithathu. Emva koko uJunior Baptiste Tchamadeu ufake igowuli lokuqala emzuzwini wamashumi amathathu anesithathu.

Kwisigaba sesibini, iCameroon iqinisekise indawo yayo kumjikelo olandelayo ngokufumana igowuli lesibini. Lifakwe nguChristian Michael Kofane emzuzwini wesibini kubuyiwe ekhefini. Igowuli lokubika ekhaya loMzantsi Afrika lifakwe nguEvidence Makgopa ongene kwisigaba sesibini somdlalo.