UMohau Nkota exhawulana noHugo Broos ongumqeqeshi woMzantsi Afrika.
Image: Khaled Desouki/AFP
UHugo Broos uvakalise ukungonwabi kwakhe sisigqibo seCAF esithathe uMzantsi Afrika sawuhlalisa kude nendawo yokuzilolongela. Oku kwenzeke phambi komdlalo ophakathi koMzantsi Afrika neCameroon. UBroos uthe ayingeni kakuhle into yokuhamba imizuzu engaphezulu kwamashumi amabini xa aBafana Bafana besiya ejimini.
"Andonwabanga ngenxa yomgama othatha amashumi amabini anesihlanu xa sisiya ejimini. Kuye kwanyanzeleka ukuba silinde iiyure ezimbini zonke ukuze sizilolonge izolo," utshilo uBroos phambi kokudibana neCameroon awayincedayo yaphumelela indebe yeAfrica Cup of Nations ngonyaka ka2017.
ABafana Bafana badlulele phambili kwiAFCON emva kokubetha iZimbabwe ngamagowuli amathathu kwamabini emidlalweni odlulileyo. Kunyanzelekile uMzantsi Afrika uphumelele emdlalweni ongomso ukuba ufuna ukwenza bhetele kwitumente yalo nyaka.