Ezemidlalo

UGavin Hunt ukwamkele ngovuyo ukuba ngumqeqeshi weStellenbosch FC

Pedro Mapelo|Published

UGavin Hunt ngumqeqeshi omtsha weStellenbosch FC.

Image: Picture: Stellenbosch FC

UGavin Hunt ukwamkele ngovuyo ukuchongwa kwakhe njengomqeqeshi omtsha weStellenbosch FC kule veki. Oku kulandela emva kokuba uSteve Barker egqibe kwelokuba azichithe iintente ayokuqeqesha iSimba SC yaseTanzania. Endaweni yakhe kungene uHunt ogxothwe yiDurban City kwioveki ezigqithileyo.

UGavin Hunt ngomnye woompetha babaqeqeshi ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika emva kokuphakamisa iindebe zePremiership izihlandlo ezine neendebe ngaphezulu. Uthatha iintambo kwiStellies emva kweminyaka ebikhe yaqhuba kakuhle ngayo yade yadlala nakwiCAF Confederation Cup.

Nangona kunjalo, izinto aziyihambeli kakuhle kule sizini. Iphakathi kwamaqela asajingelwa lizembe ekugqibeleni. "Liwonga elikhulu ukuba ngumqeqeshi weStellenbosch FC. Okundonwabise kakhulu kukufumana ukuba iStellies liqela elinjongo enkulu. Ndizimisele ukuyinceda iphumelele iindebe," utshilo uHunt emva kokuchongwa kwakhe.