UNkosinathi Sibisi uthethe neentatheli phambi komdlalo weAfrica Cup of Nations.
Image: Backpagepix
UNkosinathi Sibisi uthi aBafana Bafana bazithembile phambi kokudibana neZimbabwe emdlalweni weAfrica Cup of Nations. La mazwe mabini aza kudibana ngentsimbi yesithandathu namhlanje emalanga.
Kunyanzelekile uMzantsi Afrika ungabethwa emdlalweni wanamhlanje ukuze ukwazi ukudlulela kwisigaba esilandelayo seAfcon emva kokubethwa yiEgypt ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni ogqithileyo. Okuhle ngoMzantsi Afrika kukuba ukwazile ukubetha iAngola emdlalweni wokuqala weAfcon ebanjelwe eMorocco.
Kunyanzelekile ukuba iphumelele iZimbabwe ukuze yandise amathuba wayo okuhlala kwiAfcon. IZimbabwe iza kujongana naBafana Bafana izithembile emva kokubambana emdlalweni obuhlakulela itumente yehlabathi kwiinyanga ezidlulileyo.
"Sisoloko sikuthakazelela ukudlala neZimbabwe. Ndicinga ukuba nomqeqeshi wethu utshilo ukuba sikhe sadibana nayo emidlalweni egqithileyo. Ngeke umdlalo ubelula ngoba lidabi loomakhelwane," utshilo uSibisi ongumdlali wasemva kwiqela lesizwe nakwiPirates.
Njengokuba uHugo Broos ebesebenzise uMbekezeli Mbokazi noSiyabonga Ngezana emidlalweni yokuqala, kungenzeka namhlanje asebenzise abanye abadlali. "Ndicinga ukuba umdlalo ogqitileyo wawuphethwe sithi - kodwa silindele umdlalo onzima kakhulu.
"Siza kudlulela phambili ukuba sidlale ngendlela yethu yesiqhelo. Njengokuba umqeqeshi etshilo, iziphumo ezihle zibaluleke kakhulu kuthi. Asifuni ukubethwa - impumelelo ingasikhuthaza xa sisiya kumjikelo olandelayo," utshilo uSibisi.