USiya Kolisi ukhethe ukubuyela kwiqela laseKapa endaweni yokuya eJapan.
Image: BackpagePix
Enye yezinto ezothuse abantu abaninzi kwezemidlalo ziindaba ezingoSiya Kolisi. Oku kulandela emva kokuba egqibe kwelokuba ashiye iSharks abeyidlalela. Ubuyele kwiStormers awayeyidlalela phambi kokuya kwiqela lombhoxo laKwaZulu-Natal ngonyaka ka2021.
Kanti uKapteni weSpringbok ukhe wathi tshe kwiqela lomhoxo laseFrance ekuthiwa yiRacing 92. Wahlala isizini yanye wabuyela eMzantsi Afrika emva kokonzakala ixesha elide. Iqela laKwaZulu-Natal labhatala iR17-m ukuze abuyele kulo. Ingxelo ithi ebekufuna uSiya ukubuyela eKapa kunyaka ophelileyo - kodwa iSharks ayavuma.
"iThe Sharks inendawo ekhethekileyo entliziyweni yam. Ndikonwabele ukuba yinxalenye yeqela labadlali nabaqeqeshi abakhoyo ngoku. Nangona bendizimisele ukuyeka ukudlala ndilapha - kodwa usapho lwam alukwazi ukuza ngapha," utshilo uKolisi emva kokukhululwa kwakhe.