USiya Kolisi ubuyela kwiStormers.
Image: Clement Mahoudeau/AFP
Ukapteni woMzantsi Afrika ophumelele iNdebe yeHlabathi yoMbhoxo izihlandlo ezibini, uSiya Kolisi, uza kubuyela kwiStormers kweyeKhala ka2026, eli qela laseKapa libhengeze ngoLwesibini.
UKolisi waqala ukudlala umbhoxo okumgangatho ophezulu kwiStormers ngaphambi kokuba aye kwiSharks eseThekwini ngo2021.
Emva koko waya eFrance ukuya kudlala kwiqela iRacing 92 kwiligi iFrench Top 14 nalapho izinto zingamhambelanga kakuhle, wabuyela kwiSharks kwakhona ngo2024.
"Oku kuya kuvumela uKolisi ukuba abe kufutshane nosapho lwakhe kwaye abe negalelo kwiqela apho konke kuqale khona emva kokudlala umbhoxo wezikolo," itshilo ingxelo yeStormers.
UKolisi ukwagxininise umnqweno wakhe wokubuyela eKapa, esithi usapho lwakhe sesona sizathu sokuba afune ukuya khona.
"Usapho lwam luhlala eKapa, kwaye kubalulekile ukuba ndibe kufutshane nalo," utshilo.
"Oku kundinika ithuba lokwenza oko ngelixa ndibuyisela kwiqela nabalandeli abaye banegalelo elikhulu ekundenzeni ndibe ngumdlali nendoda endiyiyo namhlanje," utshilo uKolisi.
EKapa, uKolisi uza kudlala noogxa bakhe kwiSpringboks, uCobus Reinach noSacha Feinberg-Mngomezulu obengoyena mdlali ubalaseleyo kwisizini yovavanyo yoMzantsi Afrika.