Ezemidlalo

UBrighton Mhlongo uphakathi kwabaqeqeshi abenza iCAF D License kule veki eGcuwa

Pedro Mapelo|Published

UBrighton Mhlongo uphakathi kwabaqeqeshi abafundela ukufumana iCAF D License kule veki eGcuwa.

Image: Facebook

UBrighton Mhlongo uphakathi kwabaqeqeshi abachophele izifundo zokuqeqesha neemviwo ezibanjelwe eWalter Sisulu University, eGcuwa. Le ndedeba eyayidlalela iOrlando Pirates yenze umtsi yeza eMpuma Koloni yakuva ukuba kukho iseshoni yabantu abafuna ukufundela ukuba ngabaqeqeshi kwinqanaba eliphezulu.

Yena nabanye abangamashumi amabini anane bafundela ukuzuza iCAF D License egunyaziswe yiSouth African Football Association neCAF zibambisene noLuxolo Matikinca.

Ethetha kwiSABC Sport, uMhlongo uthe akanaxesha lokuba kufundelwa phi yena - into ayifunayo kukufunda. "Emva kokuthetha noLux, ndithe ndiyeza xa enayo indawo," utshilo uMhlongo ongunozakuzaku we-Engen Knockout Tournament evumbulula italente elizweni lonke.

"Ndamxelela ukuba andinangxaki nokuba izifundo zisekupheleni konyaka. Kumnandi kum ngoba ndifumene ithuba lokubona iGcuwa ngoba yindawo endingazange ndeza kuyo. Into ebalulekileyo kum zizifundo, ndamxelela uLux. Ngoku nam ndiyinxalenye yeli phondo," utshilo uMhlongo kwiSABC Sport.

Lo ngunyaka wesibini uMatikinca eququzelela iiseshoni ekuqeqeshwa kuzo abaqeqeshi abasakhulayo kwiphondo leMpuma Koloni. UMhlongo ukhethe ukuza naye emva kokuxelelwa nguThabo Senong ongomnye wabaqeqeshi abaziwayo eMzantsi Afrika.

"USenong ngumntu ofana nekhankatha lam ebholeni ngoba uyandikhuthaza. Ndiyakholelwa ekufundeni. Ukuza kwam eGcuwa kundikhumbuza apho ndisuka khona. Ukufunda kukubeka kwiindawo ongazaziyo ngamanye amaxesha," utshilo uMhlongo.

UMatikinca ukwamkele ngovuyo ukufika kukaMhlongo ngoba kuza kukhuthaza nabanye abantu. "Kumnandi ukwamkela umntu owaziwayo njengaye ngoba uza kukhuthaza nabanye abaqeqeshi. Omnye wabaqeqeshi ofumene uD noC CAF License apha ngoku usebenzela iChippa United.

"Kanti omnye ungumncedisi kwiqela elidlala kwiDiski Challenge. Le nto ithetha ukuthi iphulo lethu lokunika imfundo abaqeqeshi lenzeka kakuhle. Sifuna ukwenza umahluko ebholeni yaseMzantsi Afrika," utshilo uMatikinca okwangumphathi weSekhukhune United.