ULuke Baartman udlale okokuqala kwiKaizer Chiefs ibijongene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership eMbombela Stadium, eNelspruit, kutshanje.
Image: BACKPAGEPIX
Umdlali onekamva eliqaqambileyo, uLuke Baartman, uyazingca ngokudlalela iKaizer Chiefs. Lo mdlali waseKapa ukuthethe oku emva kokuba edlale umdlalo wakhe wokuqala kwiChiefs ebambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership wokugqibela kulo nyaka obubanjelwe eMbombela Stadium kwiveki yokuqala kule nyanga yoMnga.
UBaartman, 19, ukhe wahlala ixesha elide engadlali emva kokuthathwa yiChiefs ngenxa yeCape Town Spurs ebingafuni ahambe simahla. Yena noAsanele Velebhayi bakhululwa yikomiti yeembambano yeSafa ukuze badlale kwiChiefs emva kweenyanga.
Amakhosi abafuna abadlali kunyaka ophelileyo - kodwa yala iCape Town Spurs inikwa imali. Ithe yakuthotyiselwa kwiABC Motsepe League kwiinyanga ezidlulileyo, iChiefs iye yabathatha ngaphandle kwemali abadlali ngoba bebenelungelo lokuya kwiqela abalifunayo.
Emva kwexesha elide lokulinda, naye uBaartman ude wayidlalela iChiefs ekulindeleke ukuba ayincede ekuhambeni kwesizini eqhubekayo. UBaartman ungumdlali onetalente futhi osemgangathweni ophezulu. Ebeyinxalenye yaMajita adlale kwiFIFA Under-20 World Cup kwiinyanga ezidlulileyo kulo nyaka.
"Kumnandi ukudlala ibhola kwakhona futhi ibiyinto enkulu kum ukunxiba isikipha seChiefs," utshilo uBaartman emva kokudlala umdlalo wakhe wokuqala kule sizini isamisiweyo ngenxa yemidlalo yeAfrica Cup of Nations eza kuqala ngempelaveki eMorocco.
"Emva kokuziqeqesha ngamandla kwiinyanga ezidlulileyo, kube luchulumanco ukudlalela iqela elikhulu njengeChiefs. Bekunzima emdlalweni ngoba ndinethuba elide ndingadlali. Sizamile ukuhlasela iTS Galaxy emdlalweni," utshilo uBaartman kwikhasi lomnatha leChiefs.
Noxa Amakhosi eyiqale kakuhle isizini ephakathi - kodwa awuvale unyaka edikidiki kwakhona. Aza kuxakeka enyakeni omtsha ngoba kusekho imidlalo yeCAF Confederation Cup ebalulekileyo aza kujongana nayo. IChiefs iza kungena kwisigaba esibalulekileyo sesizini ngoba kufuneka ikhusele indebe yeNedbank eyiphumelele kwisizini edlulileyo emva kwendlala yeminyaka elishumi.