UHugo Broos nabancedisi bakhe enkampini yaBafana Bafana abalungiselela ukuya kwiAfrica Cup of Nations.
Image: Oupa Mokoena / Independent Newspapers
Ifikile iAfrica Cup of Nations (Afcon) ekudala kuthethwa ngayo. ABafana Bafana baza kuntingela eMorocco - apho kuza kudlalelwa khona iAfcon yalo nyaka ukusukela ngeCawe ukuya ngomhla weshumi elinesibhozo kwinyanga ezayo.
Umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, ukubethelele ukubaluleka kokuphumelela umdlalo wokuqala kwiAfcon. ABafana Bafana baza kuswantsulisana noomakhelwane, iAngola, emdlalweni wokuqala ngoMvulo weveki ezayo. Umqeqeshi uyibona iAngola njengelizwe eliyingozi kakhulu.
Amalungiselelo woMzantsi Afrika akaqalanga kakuhle ngoba uBroos ebekhe wasematheni ngenxa yendlela awathetha ngayo ngoMbekezeli Mbokazi owafika kade enkampini kwiveki ephelileyo. Kwelinye icala, kwabe kukho abadlali abaseYurophu abaza kudibana neqela lonke eMorocco ngenxa yokukhululwa kwabo kade ngamaqela abawadlalelayo.
UBroos uxelele iintatheli ekuqaleni kwale veki ukuba iAngola liqela elimxhalabisayo. "Asithelekiswanga namaqela anzima kakhulu - kodwa iAngola ingasisokolisa ngoba ilushica," utshilo umqeqeshi. Kunyanzelekile uMzantsi Afrika uqale ngegiya ephezulu ngoba uthelekiswe namazwe omeleleyo futhi akuqhelileyo ukudlala kwiAfcon.
"Kwiinyanga ezidlulileyo, bekungekho nto ingako endiyaziyo ngayo iAngola. Ndikhe ndayijonga emva kokuthelekiswa kwamaqela. Liqela elidlala kakuhle futhi elinabadlali abadlala kakuhle. Siza kudibana nayo emdlalweni wokuqala.
"Kwitumente efana nale siya kuyo, kubalulekile ukuwuphumelela umdlalo wokuqala. Sabethwa yiMali kwitumente edlulileyo saze saya kowesibini kunyanzelekile ukuba sibethe iNamibia," utshilo uBroos.
Ngokungafaniyo nonyaka ophelileyo, aBafana Bafana baya kwiAfcon yalo nyaka kukho uxinizelelo phezu kwabo. Ukufumana indawo yesithathu kunyaka ophelileyo, kwenze abantu balindela umsebenzi obhetele. Njengelizwe eliya kwiFIFA World Cup ekunyaka ozayo, wonke umntu ujonge indlela oza kuqhuba ngayo uMzantsi Afrika.
"Siza kuzama ukuyiphepha into yokuya emdlalweni wesibini singaphumelelanga ngoba siza kudibana neYiphutha elishica kowesibini. Emva kwayo siza kudibana neZimbabwe - omnye umdlalo obalulekileyo," utshilo uBroos.