Ezemidlalo

UZwane ubalisa indlela AmaZulu abuhlangule ngayo ubomi bakhe

Pedro Mapelo|Published

uArthur Zwane ubalise okokuqala indlela AmaZulu amncede ngayo ebomini bakhe.

Image: Backpagepix

Encokweni abenayo nesikhululo sosasazo saKwaZulu-Natal kwiveki ephelileyo, uArthur Zwane ubalise indlela owamcinezela ngayo ummvandedwa eminyakeni embalwa edlulileyo.

UZwane noVusumuzu Vilakazi baye banikwa umsebenzi wokuqeqesha AmaZulu ngokubambisana emva kokuqala kakubi isizini edlulileyo phantsi komqeqeshi waseSpain. Waye wahamba xa iphakathi isizini yena uVilakazi - yena washiyeka uZwane.

Ngethamsanqa, AmaZulu aye akwazi ukungena kwiTop-8 kwisizini egqileyo atsho adlala nakwiMTN8 Cup. Kwisithuba esingaphezulu kweminyaka emibini edlulileyo, uZwane ebekhe wangumqeqeshi oyintloko kwiKaizer Chiefs isizini yonke - kodwa waye wathotyiselwa emva kokungaqhubi kwayo kakuhle.

Indawo yakhe yathathwa nguMolefi Ntseki naye owathathelwa nguCavin Johnson. Emva kokugxekwa kwakhe ngabalandeli beChiefs, uZwane washiyeka ethiwe mbende ngumvandedwa. "Ndaphelelwa ngumdla ebholeni kwanzima nokuya ebaleni. Emva kokuthotyiselwa yiChiefs, ndandingenawo tu umdla wokubukela ibhola," utshilo uZwane kuKhozi FM.

"Ndiyazazi izinto ezabangela izinto zingandihambeli kakuhle nangona bendingakwazi ukuthetha ngazo koonondaba. Zizinto eziwubuleleyo umphefumlo wam, ngakumbi emsebenzini wam nasekhaya.

"Kodwa ndasinda ngoba ukuqeqesha kufana nobizo kwabanye bethu. Asivukanga sesingabaqeqeshi," utshilo uZwane phambi kokubulela AmaZulu ngokwenza abuyele ebholeni ekhatywayo kwakhona. "Usuthu lusindise ubomi bam," utshilo uZwane emva koko wabulela iChiefs noMnu. Sandile Zungu omnike ithuba lokuqeqesha AmaZulu.

"Bendingakuvuyela ukuhlala ixesha elide apha KwaZulu-Natal. Kunzima ukubuyela ekhaya - AmaZulu abusindisile ubomi bam. Ndiyalibulela ithuba endilinikwe nguGqirha Kaizer Motaung nabantwana bakhe. Ubomi bam bebunzima - kodwa mhlawumbi ngendingekho apha ukuba kwakungenzekanga nto.

"Ngamanye amaxesha ndandisiya emsebenzini ndingazazi nokuba ndiza kubuya na. Kwakunzima futhi ngeke abantu bayazi into eyayisenzeka. Ndibulela uMnu. Zungu ngokuhlangula ubomi bam," utshilo uZwane.