Iphakamise enye indebe kwakhona i'Orlando Pirates emva komdlalo obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium kwiveki ephelileyo.
Image: Carling Black Label
Izinto ziyihambela kakuhle kakhulu i'Orlando Pirates kule sizini eqhubekayo. Kwiinyanga nje ezintlanu, iPirates sele iphumelele iindebe ezintathu futhi yiyo kuphela ekwazileyo ukuncumisa abalandeli.
Ekuqaleni kwesizini, iBucs iphakamise iMTN8 emva kokubetha iStellenbosch. Kule nyanga iphakamise iCarling Knockout Cup emva kokoyisa iMarumo Gallants. Akuphelelanga apho ngoba kwimpelaveki edlulileyo izibethele iAll Stars ngamagowuli amabini yaphakamisa iCarling Cup ekhatshwe zizigidi ezibini zerandi emva komdlalalo obuseMoses Mabhida Stadium.
Ngendlela edlala ngayo iPirates, kungeleka ngathi kuza kuba nzima ukuyibetha kule sizini. Umqeqeshi wayo, uAbdeslam Ouaddou, ukwamkele ngovuyo ukuphumelela kweqela lakhe watsho ebethelela ukubaluleka kokuphumelela iindebe ezishiyekileyo. Noxa kusekude ukusongwa kwesizini - kodwa iPirates lelona qela elinethuba lokutshayela zonke iindebe ezishiyekileyo.
"Sifuna ukubonisa ukuba sinako ukuphumelela zonke iindebe ezikhoyo. Iindebe ezifana neNedank neBetway Premiership siza kudlalela ukuziphumelela," utshilo uAbdeslam emva komdlalo eThekwini. Njengokuba uAbdeslam efike kwiPirates engenambali yeendebe, ngoku uhamba phambili kwicala lokuthatha iindebe futhi izimisele ukwenza imbali.
"Asiyifihli, sifuna ukulwela zonke iindebe. Ngumsebenzi onzima lowo - kodwa siza kusebenza. Ndisoloko ndibaxelela abadlali bam ukuba mhla bayeka ukusebenza ngokuzimisela, sobe bafumane ntlonipho. Siza kuphumla ngoba senze umsebenzi omhle. Ndiyaziqhenya ngomsebenzi owenziwe ngabadlali bam," utshilo uAbdeslam emva kokuphumelela iCarling Cup.
Phakathi kwabadlali abaninzi abanikwe ithuba lokudlala bekukho uThabiso Ssesane noNdah (Olisa). Bobabini baqhwatyelwe izandla ngumqeqeshi emva kokudlala kakuhle benethuba elide bengadlali.
"Badlale kakuhle emva kwexesha elide bengadlali. Nabo ngoku banethuba lokulwela ukuqala imidlalo. Sineqela elikhulu elenza kube nzima ukukhetha abadlali. Kunyaka ozayo umsebenzi wam uza kubalula ngoba bonke abadlali bazimisele ejmini," utshilo uAbdeslam ekungenzeka avale isizini eneendebe ezintathu.