Ezemidlalo

UHugo Broos uzikhanyele wema ngomlenz'omnye izityholo azibekiweyo

Pedro Mapelo|Published

UHugo Broos ngumqeqeshi waBafana Bafana.

Image: Backpagepix

Izimvo zabantu ziyabethabethana eMzantsi Afrika emva kwentetha eyenziwe nguHugo Broos kwiveki ephelileyo. Emva kokufika emva kwexesha kukaMbekezeli Mbokazi enkampini, uBroos uye waxelela iintatheli ukuba uza kubamba intlanganiso naye aza kuqinisekisa ukuba uphuma emhlophe kuyo njengokuba emnyama nje.

Zange ahlale kakuhle loo mazwi kwabanye abantu eMzantsi Afrika. Okunye okuthe kongeza ityiwa enxebeni kukugxeka kwakhe umphathi kaMbokazi olinenekazi ngendlela evakala ngathi inesenyeliso.

Iinkokeli zombutho wezopolitiko, iUnited Democratic Movement, zenze umtsi omde oya kwiKomishini yaMalungelo oluNtu ezimmangalele kuyo uBroos kwiveki ephelileyo. Ikhuphe ingxelo uHuman Rights Commussion eqinisekisa ukuba iyasiqwalasela isimangalo esifakiweyo.

Okwacaphukisa umqeqeshi kukufika kukaMbokazi enkampini sekukudala abanye abadlali befikile. Kuthiwa uye washiywa yinqwelontaka ekhaya eThekwini emva kokuphumelela kwe'Orlando Pirates ebethe iMarumo Gallants yaphakamisa iCarling Knockout Cup kutshanje.

Ikhabe ngawo omane iSafa ngelithi amazwi wakhe umqeqeshi awatolikwanga kakuhle. Kwiintsuku ezidlulileyo, uHelman Mkhalele uxelele iintatheli ukuba umba kaMbokazi uthethiwe futhi wonwabile enkampini. UHugo Broos usoloko esematheni ngenxa yokuthetha kwakhe okungaqoqoshekanga.

Abalandeli beChiefs bamchasile ngoba akabafuni abadlali bayo. "Kuyothusa ukuva umqeqeshi etyholwa ngobuhlanga. Ngomphathi kaMbokazi, umqeqeshi wayegxininisa ukubaluleka kokugadwa kwekamva lomdlali," itshilo iSafa kwingxelo ebhaliweyo.

ABafana Bafana baphekwa besophulwa enkampini esePitoli. Balungiselela ukuthatha inxaxheba kwiAfrica Cup of Nations eqala kwiveki ezayo eMorocco iphele kunyaka ozayo.

UMzantsi Afrika uza kudibana neGhana emdlalweni wokucweya oza kube useDobsonville Stadium emva koko intingele eMorocco - apho uza kudibana neYiphutha, Angola neZimbabwe. Kunjongwe lukhulu kuMzantsi Afrika obubambe indawo yesithathu kwiAfcon edlulileyo nolungiselela ukuya kwitumente yehlabathi ekunyaka ozayo.