UMbekezeli Mbokazi noHugo Broos baxolelele emva kwesankxwe esenzeke kwiveki ephelileyo.
Image: Oupa Mokoena / Independent Newspapers
Umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, ugqibe kwelokuba makaxolise emva kwesankxwe esenziwe ngamazwi wakhe kwiveki ephelileyo. Le ndedeba yaseBelgium zange ikholwe uMbokazi efike emva kwexesha enkampini.
Yathi iza kudibana naye entlanganiswe aza kuphuma kuyo emhlophe njengokuba emnyama. Zange ahlahle kakuhle loo mazwi ebantwini baseMzantsi Afrika wade wamangalelwa kwiKomishini yaMalungelo uluNtu. Namhlanje uBroos uthe uyaxolisa - kodwa wayibeka yacaca ukuba akanabo ubuhlanga.
"Phambi kokuba nindibuze, ndifuna ukuthetha ngento endikhe ndayithetha ngaphambili futhi andifuni mibuzo emva kokuthetha ngayo," utshilo uBroos ethetha neentatheli namhlanje. "Ndidlalile nabantu abamnyama, ndibaqeqeshile, ndisebenzile nabo kooCameroon, Angola nakoo Algeria futhi ndineminyaka emine ndiseMzantsi Afrika.
"Ungabuza nokuba ngubani. Abanye bangathetha bathi ndingumqeqeshi ombi, abanye bancome - kodwa akekho umntu oyakuze athi ndinobuhlanga," utshilo umqeqeshi ethetha ngento yakhe noMbokazi. Uyaziwa lilizwe lonke ukuba akafuni abadlali baseMzantsi Afrika bayokudlala eMelika ngenxa yomgangatho webhola ekhatywayo osephantsi.
"Xa uMbokazi wayeqala ukudlaliswa yiPirates, sabona umdlali onetalente. Ndambizela kwiqela lesizwe. Njengoba esemncinane, udinga ukuboniswa ukuze angathathi izigqibo ezimfaneleyo. Ikhadi elibomvu alifumene sidlala neZimbabwe yenye yezinto ezimbi ezenze ndarhana ukuba udinga ululeko. Ndacaphuka xa efika enkampini emva kwexesha ebelibekiwe.
"Kwabakubi ngoba wandixelela amabali angaqhelekanga ezama ukuquma isenzo sakhe. Ndibonile ukuba ikhona into engazukuhamba kakuhle. Iza kuba yilahleko ukuba uMbokazi akabekwa endleleni ngoba usengumdlali osakhulayo.
"Ndiyavuma amazwi endawathethayo ayengalunganga, ndiyaxolisa. Kodwa ndifuna ukuphinda ndithi andinabo ubuhlanga," utshilo uBroos. ABafana Bafana baza kudibana neGhana ngomso emalanga eDobsonville Stadium phambi kokuntingela eMorocco - apho kukho iAfrica Cup of Nations.