Ezemidlalo

UChumani Mvula waseMqanduli uphakamisa uMzantsi Afrika kwintenetya

Pedro Mapelo|Published

UChumani Mvula notitshala wakhe uLizalise Funani ongumqeqeshi wakhe kwintenetya.

Image: DSRAC

Ikamva lomfundi wesikolo saseMqandulu liqaqambile emidlalweni. Oku kubonakele emva kokuba uChumani Mvula, ogqwese ngenxa yetalente yakhe, ethathwe kwiqela laseMpuma Koloni elithatha inxaxheba kwiNational Schools Championships kwathiwa makayokumela uMzantsi Afrika emidlalweni yehlabathi ebanjelwe eBotswana kule veki.

UMvula, 15, ophuma eWilo Primary School, eMqanduli, ebengomnye wabadlali beqela lezikolo zaseMpuma Koloni elidlala imidlalo entlobontlobo kwiphondo laseGauteng - apho kudlalelwa khona imidlalo kazwelonke. Ethetha neli phephanda phambi kokuya eBotswana, uChumani uvakalise ukothuka novuyo ngaxeshanye.

"Kumandi ukumela iphondo ngoba kukhulise ukuzithemba apha kum," utshilo uChumani oqale ukudlala intenetya ngonyaka ka2022 esikolweni wakhe eMqanduli. Njengomdlali osakhulayo odlala intenetya, ukubizelwa kwiqela lesizwe yinto enkulu kuye futhi efunqula isakhono sakhe.

"Ndiziva kamnandi njengokuba ndiza kumela uMzantsi Afrika kwitumente yamazwe ngamazwe. Kokokuqala ndisiyokudlala kwelinye ilizwe. Lukhona uluyiko kancinci apha - kodwa ndizimisele ukuwudlalela uMzantsi Afrika," utshilo uChumani.

Nangona intenetya eyidlala esikolweni kuphela, uChumani uthi ebengavuya kakhulu ukuba ibidlalwa naselalini naye ngoba ngumdlalo azimisele ukukhula ade azakhele ubomi kuwo.

"Ewe, ndingakuvuyela ukuphila ngayo intenetya xa ndigqibile ukufunda. Bekungakuhle ukuba bekusithiwa ikhona intenetya naselalini ngoba ngoku ndiyidlala esikolweni kuphela. Utitshala waseWilo, uMnu. Lizalise Funani, umchaze uChumani njengomntana oqeqeshekileyo futhi ozimiselayo xa edlala intenetya ekuthiwa uyiqale engaphantsi kweshumi elinambini leminyaka.

"Uzimisele kakhulu entweni yakhe ayifunayo. Yena uyakwazi ukuziphatha futhi uyadlala kakhulu," utshilo utitshala ongumqeqeshi wakhe.

"Utalente unayo. Siyazingca ngokumela kwakhe uMzantsi Afrika. Ukuhamba kwakhe kusenza saziwe njengendawo esiyidlalayo intenetya. Baninzi abadlali bethu abathathe inxaxheba kwiNationnal Schools Championship. Ukuchongwa kwakhe kugqamisa umsebenzi esiwenzayo kakhulu. Ndifuna ukuthi aziphatha kakuhle asenze sizingce ngaye ngengesiqhelo," utshilo uFunani.