IPirates iphakamise indebe emva kokubetha iAll Stars emdlalweni weCarling Cup obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium namhlanje.
Image: Facebook
Ziintshatsheli ityeli lesibini i'Orlando Pirates! Oku kulandele emva kokuba iPirates idlule kwiCarling All Stars emdlalweni weCarling Cup obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium namhlanje emalanga.
Emva kokuba iPirates iphumelele indebe yeCarling Knockout Cup emdlalweni obusePeter Mokaba Stadium kwiveki ephelileyo, kule mpelaveki idibene neCarling All Stars ebinabadlali abachongwe ngabalandeli. Liqela ebelinikwe uManqoba Mngqithi ukuze alize aliqeqeshe ebambisene nomlandeli obengumqeqeshi.
Njengokuba iAll Stars ibinabadlali abaninzi abaphuma kwiKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns - kwelakhe icala uAbdeslam Ouaddou ukhethe ukudlalisa abadlali abaquka uThabiso Sesane, Olisa Ndah onethuba elide engasadlali noMelusi Buthelezi ezipalini.
UMfundo Vilakazi noNaledi Hlongwane bayixheshile iPirates kwisigaba sokuqala yade yenza neempazamo - kodwa usompempe khange afune ukubanika iipenela. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho gowuli emva kokuba amaqela omabini angabhalisanga ebhidini.
Omabini amaqela abuye enamandla emva kokwenza iinguqu eziliqela. UNaphtali Mokoena ungene endaweni kaPetersen ezipalini, kwakho uBennet Mokoena noMduduzi Shabalala abafunqule umdlalo weCarling All Stars ebikhusela indebe.
Noxa isigaba sesibini besiphethwe yiPirates, abadlali abafana noMduduzi bakwazile ukumsebenzisa uMelusi ezipalini. Izinto ziguquke ngethuba uSifiso Luthuli ebhakuzelisa umnatha ngebhola eyinekelwe nguDeon Hotto.
Emva kwakhe uRadiopane ufake igowuli lesibini yaphumelela iPirates. Eminyakeni emibini, iStellenbosch FC neMagesi FC azikwazanga ukubetha iAll Stars. IPirates liqela lokuqala elikwazile ukuphakamisa iindebe zeCarling ezimbini ngonyaka omnye. Zizigidi ezibini zerandi (R2-million) ezizuzwe yiPirates.