Ezemidlalo

UMkhalele ukhalimela isigqibo seFIFA esidelela iAfrica Cup of Nations!

Pedro Mapelo|Published

UHelman Mkhalele noHugo Broos enkampini yaBafana Bafana.

Image: BackpagePix

Akakholwa uHelman Mkhalele sisigqibo esithathwe yiFIFA asichaze njengesingenabo ubulungisa. UMkhalele, olisekela likaHugo Broos, uvakalise uluvo lwakhe emva kokuba iFIFA ivumele amaqela ukuba abagcine abadlali xa efuna, abakhulule xa kushiyeke iveki phambi kokuqala kweAfrica Cup of Nations (AFCON).

Ekuqaleni, iFIFA ibikade isithi amaqela makabakhulule abadlali kushiyeke iintsuku ezilushumi elinesine phambi kokuqala kwetumente. Amazwe aseAfrika alungiselela iAFCON eza kuqala kwiiveki ezizayo eMorocco.

"Imbi le nto futhi ayamkelekanga. Isenza kubonakale ngathi iFIFA iyijongela phantsi ibhola yaseAfrika ngokungafaniyo neYurophu," utshilo uMkhalele kwiSABC Sport. Amaqela aseYurophu anomkhwa ombi wokungafuni ukukhulula abadlali ngethuba xa kusondela iAFCON.

"Esi sigqibo senza sizive singabalulekanga xa ujonga okwenzeka kwamanye amazwe. Kunyanzelekile iCAF ithethe neFIFA ngoba kufuneka silungiselele itumente yehlabathi kunyaka ozayo," utshilo uMkhalele.

"Njengokuba iAFCON isondelelene neWorld Cup, ndingathi ayisincedi thina le nto njengokuba amaqela aya kwitumente yehlabathi engamashumi amane anesibhozo. Yenza kubenzima ukwenza izicwangciso zethu thina siseAfrika.

"Ukucuthwa kweentsuku abafika abadlali ngazo enkampini kuza kuwaphazamisa amalungiselelo wethi xa sisiya kwitumente yehlabathi," utshilo uMkhalele osenkampini yaBafana Bafana abalungiselela ukudibana neGhana kwiveki ezayo phambi kokuntingela eMorocco kwiveki ezayo.

UMkhalele, owadlalela amaqela afana neJomo Cosmos neOrlando Pirates, uphawule ngentetha kaBroos ethi kufanele angene endaweni yakhe kunyaka ozayo emva kwetumente yehlabathi. "Ndiziva ndithobekile kokwathethwa ngumqeqeshi. Sihloniphene emsebenzini wethu futhi wandamkela ngendlela endiyiyo.

"Ndiyibulela kakhulu imfundiso yakhe. Ndiyafuna ukuba ngumqeqeshi oyintloko ngenye emini nokuba akukho kwiqela lesizwe. Iimfundiso zakhe ziza kundenza umqeqeshi obhetele ngenye imini," utshilo uMkhalele.