USihlalo weChippa United, uSiviwe Mpengesi, ulithathele kuye ulawulo lesikolo esaziwa ngokukhiqiza abadlali bebhola ekhatywayo.
Image: Chippa United
Iziko lophuhliso elaziwayo ebholeni ekhatywayo, iTransnet-Safa School of Excellence, liphantsi komphathi omtsha ogama linguMnu. Siviwe Mpengesi. Oku kwenzeke ekuqaleni kwale veki ngoMvulo.
Yiminyaka eminzi iTransnet-Safa School of Excellence ikhiqiza abadlali bebhola ekhatywayo abasemgangathweni ophezulu - kodwa kuye kwakhona ukuqhwalela okwayifikelayo eminyakeni edlulileyo ngenxa yokushokoxeka kwezimali.
Abaphathi banikezele iintambo zolawulo kuMpengesi otshintshe igama yatsho yayiAfrica School of Excellence efakwe phantsi kwenkampani ekuthiwa yiChipcor Holdings.
Ngokutsho kweSABC Sport, uMpengesi wondlale umbono wakhe nesicwangciso sotyalomali esiphucukileyo ukuze anikwe elona ziko lophuhliso olutshila phambili ebholeni ekhatywayo eMzantsi Afrika.
"Ndiza kusithi thaca elubala isicwangciso sam ekuqaleni konyaka ozayo. Ikhona into enkulu eza kothusa abantu - kodwa ndisathetha nePSL ukuze sibeneqela elidlala kwiDStv Diski Challenge ukuze namanye amaqela angagcina abadlali bawo apha. Sifuna ayisebenzise onke amaqela akwiPSL le ndawo," utshilo uMpengesi kwiSABC Sport.
Emva kokuvavanywa kwezicelo ezifakwe ziinkampani ezilishumi elinambini, esikaMpengesi siye saphuma phambili ngenxa yomongo ophucukileyo. Kuthiwa uRhulumente uchithe imali eqikelelwa kwizigidi ezingamakhulu amabini eerandi (R200-million) - kodwa ngenxa yokukhula kweendleko, abaphathi baye bakhangela abatyalizimali abatsha.
"Isigqibo esisithathileyo besingelulanga. Kodwa kuye kwanyanzeleka ukuba siqwalasele imiphumela echaphazela abafundi nabazali," utshilo uAdv. Michelle Phillips obeyiNgqonyela yeTransnet-Safa School of Excellence enabafundi abaqala kuGrade 8 ukuya kuGrade 12.
Phakathi kwabadlali abaveliswe yiTransnet-Safa School of Excellence kukho amadoda afana noSteven Pienaar, uBernard Parker, uKeagan Dolly, Aubrey Modiba noRelebohile Mofokeng owenza ezibukwayo kwiOrlando Pirates.
"Le nto ndiyithanda ngaphezulu kwento endiyenza kwiChippa United. Sifuna ukukhupha abanye abadlali abaziwayo, oogqirha, iinjineli nezinye iincutshe," utshilo uMpengesi.