UTshegofatso Mabasa, obegqwese kwisizini egqithileyo ngokufaka amagowuli, kule isizini unqabile kwi'Orlando Pirates.
Image: PackpagePix
Emva kwexesha elide engabonakali ebaleni uTshegofatso Mabasa emidlalweni ye'Orlando Pirates kule sizini eqhubekayo, uAbdeslam Ouaddou ude wacacisa okwenzekayo. Umqeqeshi uzikhabile iingcingane ezithi kukho ukungathandeni kwakhe uMabasa kwiqela lakhe.
Nangona eyenye yeefolosi ezikwaziyo ukufaka amagowuli - kodwa uAbdeslam Ouaddou ukhetha ukusebenzisa abanye abadlali ngaphandle komnye weefolosi ezifaka amagowuli. Emidlalweni yakutshanje, equka owokugqibela weCarling Knockout Cup, uMabasa khange abonakale nangotshengele.
UMabasa, 29, ufake amagowuli alishumi elinesihlanu kwisizini edlulileyo. Nakule sele efake abalekayo emidlalweni ayidlalisiweyo - kodwa nangona kunjalo, akabonakali ebaleni. "Enyanisweni, baninzi abantu ababuza uMabasa," utshilo uOuaddou encokweni abenayo kwinkqubo yesikhululo sosasazo saseGoli.
"Andinayo ingxaki noMabasa. Ngumdlali endimthandayo futhi okwaziyo ukufaka amagowuli. Ndinabadlali abaninzi. Ngamanye amaxesha siye sijonge iqela esiza kudlala nalo, sikhangele umdlali oza kulungela umdlalo.
"Indlela endilidlalisa ngayo iqela inzima. Kuye kunyanzeleke ukuba abadlali bangahlali ndawonye. Singabaqeqeshi sijonge umdlali olungele umdlalo xa sikhetha. Xa sidibene neqela eliqala umdlalo emva, siye sifake umdlali oza kusukela noza kuncedisa emva," utshilo noxa engafunanga ukuba mhlawumbi akazimiselanga ngokwanelisayo.
"Ebekhe walifumana ithuba lokudlala. Ndinabadlali abafana noYanela Mbuthuma, Evidence Makgopa, Boitumelo Radiopane noSifiso Luthulu. Bonke badlala indawo enye. Akukho nto embi; ebaleni kufuneka ishumi elinanye kuphela. Lukhuphiswano into ekhoyo kwiPirates," utshilo umqeqeshi.