ULandile Ngxeke ulungiselela ukulwa umlo omkhulu eMexico ngempelaveki.
Image: Facebook
Imbethimanqindi yaseMpuma Koloni, Landale Ngxeke, ithi lifikile ixesha layo lokuba yintshatsheli yehlabathi. UNgxeke ukuthethe oku kutshatshe phambi kokudibana noJose Salas Reyes emlweni oza kube useMexico ngoMgqibelo.
Ezi mbethimanqindi zimbini ziza kuswantsulisana ngetayitile ye-IBF World Champion emlweni ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bomdlalo wamanqindi kwihlabathi lonke. Uza kusokola uNgxeke ngoba uzigxama endodeni engekabethwa kwinqanaba eliphezulu lamanqindi.
Nangona kunjalo, uNgxeke angayifumana impumelelo ngoba ulichule ekubetheni inqindi futhi uzimisele. Emva kokuphumelela iitayitile kwiphondo leMpuma Koloni nalapha eMzantsi Afrika - uNgxeke ukhethe ukuya kwisitali sikaColin Nathan ngoba ebefuna ukulwela itayitile yehlabathi ukuze akwazi nokuguqula ubomi bakhe bube ngcono kunangaphambili.
UNgxeke ebekade ephantsi kweXaba Boxing Promotions yaseMpuma Koloni. Kwabangundabamlonyeni ngendlela emangalisayo ukuhamba kwakhe ngoba zange akholwe uAyanda Matiti. "Amalungiselelo womlo ahamba kakuhle. Sikulungele ukuya eMexico," utshilo uNgxeke ethatha kwiSABC Sport phambi kokuntingela eMelika.
Uphekwa esophumlwa ejimini nguNathan - oyincutshe yomqeqeshi ovelise inqwaba yeentshatshe zehlabathi eMzantsi Afrika. Ukwenza uLandile intshatsheli yehlabathi iza kuba yinto enkulu kuNathan ngoba lo nto iya kubonisa umahluko phakathi kwakhe nabanye abaqeqeshi.
"Umlo wam wokugqibela ndiwulwe nembethimanqindi yaseMexico. Ndiyayazi indlela ezilwa ngayo iimbethimanqindi zaphaya. "Ndeza kuNathan kuba ndandifuna ukuba yintshatsheli yehlabathi. Lifikile ngoku elo thuba," utshilo uNgxeke ngokuzithemba.
Ukuze abe yintshatsheli uNgxeke, onamashumi amathathu eminyaka, kunyanzelekile ukuba abethe ezinye iintshatsheli. "Ndashiya ikhaya eMonti kuba ndifuna ukuba yintshatsheli. Andifuna ukuxoka, dniyalivuyela kakhulu ithuba endilinikiweyo. Ukuba uzithembile, ungakwazi ukufikelela kwindawo oyifunayo," utshilo uNgxeke osecicini lokulandela ekhondweni Labantu abafana noSive Nontshinga.