Ezemidlalo

UMzantsi Afrika uphinda indlela ka2010 - kodwa eMexico ngo2026

Pedro Mapelo|Published

USiphiwe Tshabalala evuyela igowuli lakhe emdlalweni weFIFA World Cup owawuphakathi koMzantsi Afrika neMexico ngonyaka ka2010, eSoccer City Stadium.

Image: Backpagepix

Amazwe aza kuthatha inxaxheba kwitumente yehlabathi athelekisiwe kwiveki ephelileyo. Ngoku umsebenzi wokulungiselela imidlalo ulele emagxeni wabaqeqeshi. UHugo Broos uvakalise ukuxhalaba emva kokubhengezwa kwamazwe aza kudibana noMzantsi Afrika kuGroup A oquka iMexico, iSouth Korea nelinye ilizwe eliza kuphuma eYurophu phakathi kweDenmark, North Macedonia, Czech Republic ne-Ireland.

UMzantsi Afrika uza kuvula itumene neMexico emdlalweni oza kube useAzteca Stadium ngomhla weshumi elinanye kweyeSilimela ngonyaka ka2026. Noxa ekhala umqeqeshi - kodwa aBafana Bafana bakwazile ukuphepha iziqwayi zehlabathi eziquka iFrance, Argentina, iNgilane, iJamani neSpain. "Andikwazi ukuvuyela ukudlala neMexico esingathe itumente phambi kwabalandeli bayo," utshilo uBroos kwividiyo ekhutshwe yiSafa.

ABafana Bafana babuyela kwitumente yehlabathi okokuqala ukusukela ngonyaka ka2010 eyayibanjelwe ngawo eMzantsi Afrika. Ukusukela ngoko, ibisokolo ingakwazi ukuzibekela indawo kwade kwafika uHugo Broos owenza isithembo kwiminyaka edlulileyo esuka eCameroon.

Ngamashumi mane anesibhozo aza kukhuphisana kwiFIFA World Cup kulo nyaka. Kuloo mazwe, alishumi aza kube ephuma kwizwekazi leAfrika. ABafana Bafana baza kudina neSouth Korea ngomhla weshumi elinesibhozo kweyeSilimela. "Kungenzeka nokuba yintoni," utshilo uBroos unethemba lokufumana ilizwe elingenamandla kakhulu.

"Besinethemba lokufumana ilizwe elingomelelanga - kodwa kungenzeka kungene iDenmark. Kuza kubanzima kwindawo yesibini neyesithathu. Kodwa ndicinga ukuba singabeka ithemba lethu kwindawo yesithathu.

"Siza kulwa njengokuba senzile eminyakeni emithathu edlulileyo. Sakubona phaya ukuba kwenzeka ntoni," utshilo uBroos obuyise isidima soMzantsi Afrika obusowuthande ukulityalwa kwiitumente ezinkulu.

Kungenzeka uBroos asebenzise iAfrica Cup of Nations eza kuqala kungekudala njengeqonga lokulungiselela itumente yehlabathi ekunyaka ozayo. Njengokuba ivaliwe imidlalo yeBetway Premiership, abadlali beqela lesizwe baza kuya enkampini - apho baza kwenza khona amalungiselelo phambi kokuya eMorocco.