IPirates iphakamise indebe yeCarling Knockout Cup emva kokuba ibethe iMarumo Gallants emdlalweni obusePeter Mokaba Stadium.
Image: Backpagepix
Uncumo belubhalwe ebusweni kuye uAbdeslam Ouaddou emva kokuphakamisa enye indebe ngempelaveki egqithileyo. Oku kwenzeke emva kokuba i'Orlando Pirates ibethe iMarumo Gallants ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCarling Knockout Cup wokugqibela obusePeter Mokaba Stadium kubusuku bangoMgqibelo odlulileyo.
Umdlalo uphele kungekho qela eliphumeleleyo. IPirates iphumelele ngegowuli elifakwe nguRelebohile Mofokeng emzuzwini weshumi elinesihlanu kwixesha elongezwe nguAkhona Makalima. Yimali eqabele kwizigidi ezithandathu zerandi (R6.6-million) efunyenwe ziintshatsheli.
Impumelelo yePirates imshiye echulumancile uAbdeslam ofike kuyo ekuqaleni kwesizini eqhubekayo engenanto egameni lakhe. Kwisiqingatha sesibini engumqeqeshi wePirates, zimbini iindebe zakhe ngoku, idlala kakuhle futhi ihleli phezulu nakwiBetway Premiership.
Ngaphandle kwamathandabuzo, indlela asebenza ngayo iwuphucule umsebenzi omhle obushiywe nguJose Riveiro. Ukuphumelela iMTN8 ekuqaleni kwesizini yaba yinto enkulu kuAbdeslam ngoba lo nto yabonisa ukuzimisela kwakhe. Okwenzeke kwiCarling Cup kumbeka phakathi kwamakhwenkwe amadala.
"Yimini entle kwiqela, kubadlali, kubaphathi nakubalandeli. Bendikuxelele ukuba siza kunika isipho seKlisimesi. Le ndebe yeyabo. Ndiyavuyisana nabadlali bam," utshilo uAbdeslam encumile kwiSuperSport TV. Igolozile iMarumo Gallants noxa ibicinezelwe yiPirates ebidlalela ukuphumelela.
"Besisazi ukuba umdlalo uza kuba nzima. Impumelelo isifanele xa uyijonga indlela esidlale ngayo kwisigaba sokuqala. Bekufanele ukuba sifumene amagowuli amabini. Ndiyayivuyela impumelelo esifumeneyo futhi nam ndonwabile," utshilo uAbdeslam obekhe akathenjwa ngabaninzi.
Emva kokuphela kwexesha lomdlalo, kuvele kwacaca ukuba iMarumo Gallants idlalela ukuba kuyiwe kwiipenela. "Bekunzima emdlalweni - kodwa sikwazile ukufumana ithuba lokufumana igowuli emva kokuhlasela ngamandla.
"Sithe sakubona ixesha elishiyekileyo, savana ukuba masifake uNkosinathi Sibisi ukuze avale amazibuko phaya emva. Ibingekho enye indlela ngoba ibisithi abahamba phambili. Bekunyanzelekile ukuba sizikhusele," utshilo umqeqeshi wePirates esecicini lokuphumelela iindebe ezintathu kwakhona.