Amakhosi abambene neTS Galaxy emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eMbombela Stadium ngempelaveki edlulileyo.
Image: Kaizer Chiefs
Akaxolanga konke konke umqeqeshi weKaizer Chiefs emva kokuba usompempe obephethe umdlalo engalivumanga igowuli layo emdlalweni odlulileyo.
UKhalil Ben Youssef uvakalise ukungonwabi kwakhe emva kokuba iChiefs ibambene neTS Galaxy ngeqanda macala emdlalweni weBetway Premiership obushushu eMbombela Stadium emalanga ngeCawa edlulileyo. Ntekunayo Amakhosi ayinikele umva iMpumalanga engonwabanga ngenxa yokungavunywa kwegowuli ebelifakwe nguFlavio da Silva kwisigaba sokuqala somdlalo.
Nangona umdlalo ulawulwe ngaMakhosi kuzo zozibini izigaba - kodwa ibhola ayivumanga ukungena emnatheni. Akukho nto abadlali abangayizamanga - abaqale umdlalo nabangene mva. Umqeqeshi uvumile ukuba iChiefs ibenelishwa emdlalweni ngoba ibinawo amathuba.
"Silifakile igowuli ngendlela endibone ngayo futhi belicacile," utshilo uYoussef emva komdlalo kwiSuperSport TV. "Bekufanele sinikwe ipenela. Asizinikwa ipenela thina futhi sonke siyazi ukuba ebholeni xa ufake igowuli uyaphumelela. Silifakile igowuli kodwa alabalwa.
"Sidale amathuba angaphaya kweshumi elinesithathu, sakhabela ezipalini izihlandlo ezingamashumi amabini anesithandathu. Nangona kunjalo - kodwa siza kuqhubela phambili nokwenza umsebenzi. Andingomntu okuthandayo ukuphinda into enye; ndingatsho ukuba khange sibenalo ithamsanqa emdlalweni," utshilo umqeqeshi weChiefs ehleli kwindawo yesine ngoku.
Imidlalo yeBetway Premiership iza kunqunyanyiswa ngenxa yeAfrica Cup of Nations eza kuqala kwiiveki ezizaya iphele kunyaka ozayo eMorocco.