Ezemidlalo

UZwane uvuyela umsebenzi awenzileyo AmaZulu kule sizini eqhubekayo

Pedro Mapelo|Published

URiaan Hanamub evuyela igowuli lakhe noogxa bakhe emdlalweni weBetway Premiership.

Image: Backpagepix

Intliziyo yomqeqeshi idada emafutheni emva kokunyukela entle kwiBetway Premiership. Oku kucace emva kokuba AmaZulu abethe iGolden Arrows ngegowuli elinye emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eKing Zwelithini Stadium phakathi kule veki.

Amanqaku amathathu athathe AmaZulu awanyusela kwindawo yesine ngentla kweKaizer Chiefs ekhatyelwe kwindawo yesihlanu. Ukunyukela phezulu kweqela laKwaZulu-Natal kubhence ukuhamba kakuhle nenkqubela eyenziwe nguArthur Zwane.

Uthe ukuphucuka kwezinto kubangelwe yindlela ebhetele AmaZulu aqhuba ngayo xa edlalela ekhaya kule sizini. Omnye wabadlali abanikwe ithuba balisebenzisa ngu-Olwethu Mzimela oqhuba kakuhle ezipalini. UMzimela ukhuphisana noDarrel Johnson osuka kwiChippa United noRichard Ofori.

"Oonozinti abafani nabadlali abadlala phakathi ebaleni. Asikwazi ukumncama uMzimela ngoba unembali entle noxa engekadlali kakhulu. Udlalele iqela lesizwe (under-17, 20, 23) futhi ebekwiqela elidlale iCHAN," utshilo uZwane encoma umsebenzi owenziwe nguMzimela.

Omnye umdlali athethe ngaye nguLiam Bern osuka kwiCape Town Spurs. "UBern ngumdlali oziphethe kakuhle. Sasifuna yena ngoba sasifuna uzinzo esiswini ngoba kwakonzakele uMbanjwa.

"Injongo yethu yayikukwakha iqela phezu kwakhe uBern. Kuye kwanyanzeleka simdlalise engekaqheli," utshilo uZwane phambi kokunqwenelela aBafana Bafana abalungiselela ukuya kwiAfrica Cup of Nations kwiiveki ezizayo.

AmaZulu aya kudlala umdlalo wawo olandelayo kunyaka ozayo ngenxa yeAFCON eza kube isingathwe yiMorocco.