Ezemidlalo

'Kunyanzelekile sibethe amaqela amakhulu ukuze siphakamise indebe' - utsho uLafitte

Pedro Mapelo|Published

uAlexandre Lafitte ngumqeqeshi oyintloko weMarumo Gallants FC.

Image: BackpagePix

Umqeqeshi weMarumo Gallants uthi baya emdlalweni wangomso besazi ukuba kufuneka badlule emaqeleni amakhulu ukuze baphakamise indebe. Oku kuthethwe nguAlexandre Lafitte phambi komdlalo wokugqibela weCarling Knockout Cup ophakathi kweMarumo Gallants yakhe ne'Orlando Pirates.

La maqela mabini aza kuswantsulisana emdlalweni oza kube usePeter Mokaba Stadium ngentsimbi yesithandathu emalanga ngomos. Omabini azimisele ukuphakamisa indebe emva komdlalo wangomso ePolokwane.

Ukuzithemba kuphezulu kwiMarumo Gallants ngoba emidlalweni egqithileyo iwise amaqela afana neGolden Arrows, iStellenbosch neMamelodi Sundowns ngokulandelelana. Okunika umdla kakhulu ngalo mdlalo kukuba iMarumo Gallants iza kudibana nePirates ebiqeqeshwa nguAbdeslam Ouaddou obengumqeqeshi wayo (iMarumo Gallants).

"Yah, yinto enzima ukudibana nePirates. Kodwa siyazi ukuba kufuneka ubethe amaqela amakhulu ukuze ukwazi ukuphakamisa indebe," utshilo umqeqeshi weMarumo Gallants phakathi evekini.

"Sesikwazile ukubetha iSundowns, iStellenbosch neGolden Arrows. Yinto eqhelekileyo, ukuba ufuna ukuphakamisa indebe - kufuneka ubethe amaqela amakhulu. Yingxaki enkulu kuthi ngoba iPirates idlala kakuhle - kodwa iingqondo zethu sizibeke emdlalweni," utshilo uLafitte oqhube kakuhle kwiMarumo Gallants uza kuthi ga ngoku.

Iqela lakhe likhe layibetha iPirates ekuqaleni kwesizini eqhubekayo. Akothusi ukuzithemba kwayo noxa naye uAbdeslam eza kulwela ukuphakamisa indebe yesibini njengomqeqeshi wePirates.