Ezemidlalo

UBen Youssef uyivumile ingxaki enkulu ejamelene neKaizer Chiefs

Pedro Mapelo|Published

Amakhosi akhala ngamathuba ayekiweyo emva kokugolozelwa yiChippa United emdlalweni weBetway Premiership izolo.

Image: Kaizer Chiefs

Umqeqeshi weKaizer Chiefs uvumile ukuba kukho ingxaki enkulu emva komdlalo wayizolo. Oku kuvakaliswe nguBen Youssef emva kokuba iChiefs ibambene ngeqanda neChippa United emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium.

Emva kokungaphumeleli kwiCAF Confederation Cup ngempelaveki edlulileyo, Amakhosi atyelele eGqeberha enethemba lokuxolisa abalandeli ngamanqaku amathathu. Khange kube njalo ngoba abadlali abakwazanga ukusebenzisa amathuba emdlalweni.

UBen Youssef ukhale ngokungasetyenziswa kwamathuba emdlalweni njengonobangela wokungaphumeleli izolo. Ukududa ndawonye kweChiefs kuphelisa ithemba ebelikhona ekuqaleni kwesizini emva kwesiqalo ebesisihle kakhulu.

"Okokuqala, ndifuna ukuvuyisana neChippa ngoba idlale kakuhle kakhulu futhi ilwile emdlalweni," utshilo umqeqeshi emva komdlalo eGqeberha. "Asinalo isebe lokuzimela ngoba besinawo amathuba amaninzi. Siwafumene amathuma abadlali bethu bejongene enonozinti.

"Kufuneka sisebenze kwakhona sizame ukulungisa into enye. Siliqela elikhulu; yingxaki xa singakwazi ukufaka amagowuli. Yingxaki enkulu leyo esijamelene nayo. Kunyanzelekile sizame ukuyilungisa le ngxaki. Ngumsebenzi wabadlali ukufumana izisombululo emdlalweni. Okwethu kukuzama ukuphucula indlela esidlala ngayo," utshilo uYoussef.

Kufuneka Amakhosi akhawuleze alibale ngokwenzeke emdlalweni ogqithileyo ngoba kufuneka alungiselele ukudibana neTS Galaxy emdlalweni onzima oza kube useMbombela Stadium emalanga ngeCawa.