UMbekezeli Mbokazi ngumdlali omtsha weChicago Fire yaseMelika.
Image: Facebook
UMbekezeli Mbokazi ubhengezwe ngokusesikweni njengomdlali weChicago Fire kule veki. Lo mdlali osuka kwiOrlando Pirates utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emihlanu kwiqela laseMelika elidlala kwiMajor League Soccer emva kokuthengwa ngemali eqikelelwa kwizigidi zeerandi ezingamashumi amahlanu (R50-million).
UMbokazi, 20, kungenzeka ukuba ebegqibelisa ukudlalela iPirates ebethe iDurban City ngo'2-0 emdlalweni weBetway Premiership obuseMoses Mabhida Stadium kwiveki ephelileyo. UGregg Berhalter, ongumqeqeshi weChicago Fire, uxele isizathu esibangele bamthathele kubo uMbokazi ongomnye wabadlali abanekamva eliqaqambileyo eMzantsi Afrika.
"Kusivuyisa kakhulu ukwamkela uMbekezeli eqeleni lethu ngoba sifuna ukuliqinisa phaya emva," utshilo uBerhalter emva kokwamkela uMbokazi. "Sele ezibonakalisile ukuba uyinkokeli futhi uyakwazi nokudlala kwinqanaba lehlabathi. Silindeleke ukubona umahluko nokukhula kwakhe eqeleni," utshilo umqeqeshi kwingxelo epapashwe kumakhasi onxibelelwano.
Ukuthengwa kwakhe uMbokazi bekulindelekile ngoba wadlala ngokuzimisela ukusukela mhla wanikwa ithuba kwiPirates endala kunyaka ophelileyo. Emva kwemidlalo embalwa kwiPirates, umqeqeshi weqela lesizwe wamthathela kuye nalapho wayibethelela indawo yakhe.
Ifumene umdlali iChicago ngoba uMbokazi unendebe yeMTN8 nemidlalo emihlanu phantsi kwegama lakhe kwiqela lesizwe. Uphakathi kwabadlali abaza kuya kwiAfrica Cup of Nations eza kube iseMorocco eza kuqala kule nyanga iphele phakathi kwinyanga ezayo.
Nangona ephosiwe yiFIFA Under-20 World Cup kulo nyaka - kodwa uza kuya kwiFIFA World Cup ekunyaka ozayo. UMbokazi waseHluhluwe kwiphondo laKwaZulu-Natal uza kuqala ukudlalela iqela lakhe elitsha xa kuqala isizini entsha eMelika kwinyanga yesibini kwinyanga ezayo.
Kulindeleke ukuba antingele eMelika emva kokusongwa kweAFCON kwinyanga yokuqala kunyaka ka2026. Noxa indawo yakhe iza kubonakala kwiPirates - kodwa bakhona abadlali abasemgangathweni ophezulu abaza kuthatha indawo yakhe.