Ezemidlalo

IPirates ibeke iliso layo kwindebe yeCarling Knockout Cup

Pedro Mapelo|Published

UAbdeslam Ouaddou uthi iOrlando Pirates ikulungele ukudlala umdlalo wokugqibela weCarling Knockout Cup ngempelaveki.

Image: Itumeleng English / Independent Newspapers

Emva kokubhukuqa iMamelodi Sundowns phezulu kwiBetway Premiership kwiveki ephelileyo, iOrlando Pirates ikhuthazekile phambi komdlalo olandelayo. Oku kuthethwe ngumqeqeshi wayo, uAbdeslam Ouaddou, ekuqaleni kwale veki encokola neentatheli.

IPirates ilungiselela ukudibana neMarumo Gallants emdlalweni wokugqibela weCarling Knockout Cup ekulindeleke ubeshushu ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, ngentsimbi yesithandathu emalanga ngoMgqibelo. Omabini amaqela azimisele ukuphakamisa indebe ngempelaveki.

Noxa iPirates iqale isizini ngokukhubeka - kodwa emva koko iye yazilungisa izinto. Iphakamise indebe yeMTN8 yaphinda yaphumelela phantse yonke imidlalo yayo ukusukela ngoko.

Iza kudibana neMarumo Gallants elushica kule sizini - kodwa (iPirates) inethemba lokuqhuba kakuhle ngoba inabadlali abanamava abaquka uNkosinathi Sibisi, uSipho Mbule naye uEvidence Makgopa oqhuba kakuhle emidlalweni emikhulu.

Emva kokuphuma kwangoko kwiCAF Champions League, iPirates iza kulwela ukuphumelela enye indebe. Ngenxa yokuqhuba kakuhle kwePirates kule sizini, uAbdeslam uza kuqaqanjelwa yintloko xa kufika ixesha lokukhetha abadlali ngomhla womdlalo.

"Ndisoloko ndisithi umdlalo uphunyelelwa ngabadlali abasebaleni - kodwa iindebe uziphumelela ngenxa yabadlali bonke nabangadlaliyo," utshilo umqeqeshi ethetha neentatheli eGoli. "Iingqondo zethu zikumalungiselelo omdlalo.

"Andibazi abadlali endiza kubasebenzisa - kodwa ndifuna ukunixelela ukuba bawulungele umdlalo futhi bakhuthazekile," utshilo uAbdeslam emva kokuqhayisa ngabadlali bePirates abakwiqela lesizwe.

Abadlali abachongwe nguHugo Broos baquka uSipho Chaine, uNkosinathi Sibisi, uMbekezeli Mbokazi, uThalente Mbatha, Oswin Appollis, Relebohile Mofokeng, Tshepang Moremi naye uEvidence Makgopa.

"Siliqela elizidlayo. Ndandinixelele ukuba iPirates isebenzela ilizwe lonke," utshilo uAbdeslam oza kudibana neMarumo Gallants ayisindise ezembeni kwisizini egqithileyo. Ngoku iMarumo Gallants isezandleni zomqeqeshi ekuthiwa nguAlexandre Lafitte oyifunquleyo ukusukela ekuqaleni kwesizini eqhubekayo.