Ezemidlalo

Idyokhi ephambili eMpuma Koloni inqwenela ukuphalisa ihashe layo

Pedro Mapelo|Published

USandile Xozwa yidyokhi ephume phambili emdyarhweni wamahlashe kulo nyaka.

Image: Jubase Hoseya

USandile Xoza uvakalise umnqweno wakhe wokuphalisa ihashe lakhe ngenye imini emva kokuphumelela kwiBerlin November Horse Racing yalo nyaka. Indedeba yakwaXoza ikuveze oku xeshikweni ithetha neentatheli emva kokuphumelela kwehashe ebiliphalisa ekuthiwa nguSivumelwano.

Amakhulu abalandeli bamahashe bebedibene eNtabozuko - apho kuphaliswe khona iinkabi zamahashe imini yonke ngoMgqibelo odlulileyo. UXoza, 31, uneminyaka eliqela ephalisa kwiBerlin November ubhale igama lakhe kwiincwadi zembali kwakhona.

Akayodyokhi nje kuphela uXoza, uyawakhathalela aphinde awaqeqeshe amahashe phambi kokuwaphalisa emidyarhweni. Uvakalise uvuyo emva kokuphumelela kwakhona emva kokukhubeka kunyaka ophelileyo. "Ewe, ukuphalisa yinto esentliziyweni kum. Wonke umntu uvuyisana nam apha," utshilo uXoza waseNdevana.

"Xa ndiphalisa, ndiyaqinisekisa ukuba ndiyaphumelela ngoba abaphatheki kakuhle abalandeli xa ndibethiwe. Phambi kwetumente, ndizilungiselele ngaye uSivumelwano ngoba lihashe onokulithemba futhi uyakwazi ukothusa emdyarhweni," utshilo uXoza owaqala ukuphalisa ngo2013.

Emva kokuziqaqambisa emidyarhweni yalapha eMpuma Koloni, indedeba yaseNdevana ithi inomnqweno wokuziphalisela elayo ihashe. "Ndibawela ukuzimela, ndiphalise amahashe wam. Kuninzi - kodwa ezinye izinto ngeke ndizithethe. Ukuphalisa kwiDurban July yinto endiyibawelayo.

"Ndakhe ndazama noxa kungazange kude kulunge. Kodwa xa lingavela ithuba, ndingalisebenzisa," itshilo idyokhi yaseNdevana. Uthe ukulungiselela umdyarho omkhulu njengeBerlin November Horse Racing kuthatha ixesha elide kakhulu.

ULopez Magongo umchaze uXoza njengedyokhi ewathandayo amahashe. "Ngoyena mntu owaqeqeshayo aphinde awakhathalele. Umsebenzi wakhe phambi kweBerlin November mkhulu kakhulu," utshilo uMagongo ongumnikazi wehashe eliphume phambili kumdyarho walo nyaka.

USivumelwano lihashe elilandela elinye elaliyinkathazo nesele lathatha umhlalaphantsi emva kokuphumelela iminyaka ilandelelana.