Ezemidlalo

Umqeqeshi uveze into entsha ngePirates ehleli phezulu kwiBetway Premiership

Pedro Mapelo|Published

UPatrick Maswanganyi ngomnye wabadlali abancede iPirates ebethe iDurban City emdlalweni weBetway Premiership.

Image: BackpagePix

Bancume olukabhulankethe abalandeli emva kokuba i'Orlando Pirates inyukele kwindawo yokuqala. Oku kwenzeke emva kokuba ibethe iDurban City ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium kwimpelaveki egqithileyo.

Amagowuli ephumelele ngawo iPirates afakwe nguEvidence Makgopa noPatrick Maswanganyi kwisigaba sesibini somdlalo. Ngokwenza njalo, iPirates ishenxise iSundowns eziintshatsheli ezikhuselayo futhi esekulithuba elide zihleli phezulu.

Umqeqeshi wePirates uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo. "Nawuphi umqeqeshi osebenzela iqela elikhulu ufuna indawo ephezulu," utshilo uAbdeslam Ouaddou echwayitile.

"Ewe, ukuba phezulu yinto ebifunwa sithi sonke - hayi ndim kuphela. Andisebenzi ndodwa apha - kodwa njengokuba benditshilo ngaphambili, kumnandi ukuba ndindawo esikuyo ngeli xesha lesizini. Into enzima kukuhlala phezulu isizini yonke. Kufuneka sisebenze kakhulu ngoba maninzi amaqela adlala kakuhle kwiPSL," utshilo umqeqeshi wePirates.

Uvumile ukuba kufuneka iPirates iqhubele phambili nokuphumelela imidlalo ukuze igcine indawo ekuyo ngoku. "Ndisoloko ndibathundeza abadlali ngokubaluleka kokubeka iingqondo zabo kwinto esiyifunayo ngoba umgangatho uphezulu kwiPSL.

Iziphumo zomdlalo ndizamkela ngovuyo futhi ndizingomba isifuba ngomsebenzi owenziwe ngabadlali. Andingeke ndithi isiqalo sethu besisihle - kodwa andifuni ukugxeka abadlali ngoba yinto yasebholeni leyo. Siwugqibe ngendlela entle umdlalo futhi ndiyathemba ukuba bonwabile abalandeli," utshilo uAbdeslam emva koko wathi ingqondo yakhe isemdlalweni weCarling Cup.

Umqeqeshi ubeke iliso lakhe kwiCarling Knockout Cup ngoba yeyona ndebe afuna ukuyiphumelela. IPirates iza kudibana neMarumo Gallants emdlalweni wokugqibela oza kube ungorhatya ePeter Mokaba Stadium ngoMgqibelo.

Yindebe afuna ukuyiphumelela uAbdeslam emva kokuba iPirates iphumelele indebe yeMTN8 okwesine kulo nyaka - kodwa okokuqala phantsi kwegama lakhe. Ukuphumelela iCarling Knockout Cup kuza kuyikhuthaza kakhulu iPirates ezimisele ukuyibhukuqa iSundowns egqugqisayo kwiBetway Premiership.