IMamelodi Sundowns ihleli phezulu kuGroup C weCAF Champions League emva kokubambana neMC Alger
Image: Backpagepix
Noxa iMamelodi Sundowns ibuyele ekhaya igoqoza nenqaku elinye - kodwa umqeqeshi wayo uvakalise ukwaneliseka yindlela edlale ngayo.
UMiguel Cardoso uvule isifuba emva kokuba iSundowns ibambene ngeqanda macala neMC Alger emdlalweni obubanjelwe eAlgeria - apho kuqeqesha khona uRulani Mokwena owayengumqeqeshi weSundowns kunyaka ophelileyo.
Wemka ngendlela engaphucukanga nangona wayekwazile ukuphumelela ezona ndebe ezibalulekileyo nezangenisa imali kwiSundowns. Emva komdlalo, uCardoso uthe abadlali bakhe mabaziqhenye ngendlela abasebenze ngayo.
Ukutsho oku ngoba bekukho ixhala lokubethwa kweSundowns liqela likaMokwena obaziyo abadlali awasebenza nabo. Ngethamsanqa, iSundowns ivala unyaka ihleli phezulu kuGroup emva kwemidlalo emibini.
Ikwazile ukubetha iSaint Eloi Lupopo ngo'3-1 phambi kokubambana ngeqanda neMC Alger. Ngoku ihleli phezulu emva kokuqokelela amanqaku amane, emva kwayo kuhleli iAl Hilal, MC Alger neLupopo yaseD.R. Congo.
Eyona nto ayibaluleyo uCardoso emva komdlalo kukuthintela iMC Alger ingaphumeleli kowayo. Noxa idlale kakuhle iSundowns - kodwa khange kubekho mathuba acacileyo ekwazileyo ukudala emdlalweni.
"Ndicinga ukuba umdlalo ubumhle futhi udlalwa ngamaqela amabini adlala ibhola entle," utshilo umqeqeshi weSundowns emva komdlalo. Ucacisile emva koko injongo yeqela lakhe emdlalweni.
"Ndicinga ukuba kufanele iziqhenye ngendlela edlale ngayo iSundowns. Izincedile iMC Alger ngokugcwalisa esiswini ngoba kulapho sinamandla khona," utshilo umqeqeshi.
"Siye emdlalweni sisazi ukuba kufuneka silwile esiswini kuba omabini amaqela enabadlali abanamandla. Kuthi bekubalulekile ukuba nabadlali abakwaziyo ukwenza umsebenzi. Omabini amaqela akwazile ukuthintela ingozi emdlalweni.
"Ndiyakuhlonipha okwenzekileyo ebaleni ngoba bekunzima ukubamba imimoya ngamanye amaxesha. Iqela lam libonakalise ukukhula liphantsi koxinizelelo. Besikufuna ukubuyela ekhaya lifumene amanqaku amathathu - kodwa siyalithatha neli linye," utshilo uCardoso