Ezemidlalo

UCedric Kaze uncoma iChiefs elwe yazuza inqaku elinye idlala neZamalek

Pedro Mapelo|Published

UMfundo Vilakazi odlalela iKaizer Chiefs exinwe ngabadlali beZamalek emdlalweni weCAF Confederation Cup obusePolokwane.

Image: KC Media

Nangona iKaizer Chiefs ingakwazanga ukufumana impumelelo ekhaya - kodwa umqeqeshi wayo uyiqhwabele izandla indlela edlale ngayo. UCedric Kaze uzamkele iziphumo zomdlalo weCAF Confederation Cup emva kokuba iChiefs ibambene neZamalek ngegowuli elinye macala ePeter Mokaba Stadium emalanga woMgqibelo odlulileyo.

Amakhosi aye emdlalweni wesibini ekhangela impumelelo emva kokuba edlale ntanganye emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eYiphutha kwiveki ephelileyo. Umdlalo ube nzima kakhulu usaqala ngoba kufakwe kuyo igowuli emzuzwini wokuqala.

Emva kuye konzakala uBradley Cross noGaston Sirino abaye bakhutshwa kwisigaba sokuqala somdlalo. Umdlalo wona ubunzima ngoba iZamalek ngoba ibidlalela ukugoduka namanqaku apheleleyo. Kodwa nakubeni bekinzima kunjalo, iChiefs ikwazile ukufumana igowuli elize emzuzwini wokugqibela emdlalweni.

UKaze ulincomile iqela lakhe emva kokulwa emdlalweni watsho eqinisekisa ukuba liza kuya phambili kwiCAF Confederation Cup. "Umdlalo awuhambanga ngendlela ebesifuna ngayo ukusukela emzuzwini wokuqala," utshilo uKaze emva komdlalo obusePolokwane.

"Kufakwe igowuli kuthi imizuzu imithathu umdlalo uqalile. Kwaphinda kwakhutshwa abadlali ababini emva koko. Nakubeni kwenzeke ezo zinto, besinalo ithemba lokuhle emdlalweni.

"Besinalo ithemba lokufumana igowuli esilifumene sekuphela umdlalo. Ndiyaziqhenya ngomsebenzi owenziwe ngabadlali ngoba benze konke futhi ndiqinisekile ukuba siza kuya phambili ukuba sidlala kanje nakwezayo imidlalo," utshilo uKaze.

Ubungakanani bomonzakalo kaCross noSirino bungavakala kule veki. Amakhosi aza kuntingela eGquberha - apho aza kudibana neChippa United emdlalweni weBetway Premiership ngorhatya langoLwesibini.

Kunyanzelekile Amakhosi afumane amanqaku amathathu eNelson Mandela Bay Stadium ukuba akafuni ukushiywa yi'Orlando Pirates neMamelodi Sundowns eziphuzulu. Kwelinye icala, nayo iChippa United iza kulwela ukufela ebaleni ukuze ifumana amanqaku anokuyisusa emseleni emva kokubambana neSiwelele FC emdlalweni ogqithileyo.