iChippa United ibethwe yi'Orlando Pirates emdlalweni weBetway Premiership obuseSoweto izolo ebusuku.
Image: OP/Facebook
Nangona iChippa United ingakwazanga ukuphumelela - kodwa uVusumuzi Vilakazi usenalo ithemba lokuyihlangula emva kokubonisa ukuphucuka komdlalo wayo.
Umqeqeshi uveze indlela azive ngayo emva kokuba iChippa United ibethwe yi'Orlando Pirates ngamagowuli amabini emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe e'Orlando Stadium ebusuku ngoLwesibini wale veki.
Amanqaku amathathu athathe iPirates ayilinganisa neMamelodi Sundowns ehleli phezulu kngempundu enye ngoku kwiBetway Premiership. Ngelishwa layo iChippa, yona isahleli emsileni kwindawo yeshumi elinesithandathu. Emidlalweni elishumi elinesithathu, isaqokelele amanqaku asixhenxe kuphela.
Ibethiwe kwakhona - kodwa umqeqeshi usenalo ithemba lokuyihlangula. UVilakazi ufike kwinyanga ephelileyo emva kokuthwa kukaLuc Eymael naye ofike emva kukaMusa Nyatama noSinethemba Badela. Iphumelele umdlalo omnye kule sizini, yadlala ntanganye kwemine yaze yabethwa kwesibhozo.
Kukhona ukuphucuka komdlalo okubonakalayo - kodwa eyona nto edingwa yiChippa ngamanqaku. "Siphoxekile ngoba sifumene iziphumo esingazifuniyo. Besisilwela ukuphumelela umdlalo - kodwa akwenzeka ngolo hlobo," utshilo uVilakazi ethetha kuSuperSport TV emva komdlalo.
"Zikhona izinto ezithembisayo esiphume nazo emdlalweni noxa siye salala emizuzu yokugqibela emdlalweni. Ndonelisekile kakhulu yindlela abazame ngayo abadlali emdlalweni. Sidlale kakuhle kwisigaba sokuqala futhi besisazi ukuba iPirates iza kubuya ngamandla emva kwexesha lokuphumla.
"Besinawo amathuba endicinga ukuba asiwasebenzisanga kakuhle," utshilo umqeqeshi. Ngoku iChippa ilungiselela ukudibana neSiwelele FC emdlalweni weBetway Premiership oza kube useDr Molemela Stadium ngentsimbi yesithathu ngorhatya ngoMgqibelo.
UVilakazi uthe akukho sizathi sakuhlala kokwenzekileyo phambi kokudibana neSiwelele ekhangela impumelelo. Impumelelo ingayikhuthaza iChippa phambi kokudibana neKaizer Chiefs kwiveki ezayo eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha.