UHlumelo Zitha ufumene iwonga lomdlali oqaqambileyo kwiBrutten kutshanje.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
Emva kokunceda iWSU All Blacks kwisizini yalo nyaka, uHlumelo Zitha, uvakalise uchulumanco olukhulu. Lo mdlali wombhoxo uzivule isifuba emva kokuba iWSU All Blacks ithwaliswe isithsaba njengeentshatsheli ezintsha zetumente yombhoxo ekuthiwa yiBrutten.
Oku kwenzeke emva kokuba abafundi baseWalter Sisulu University bebethe iYoung Leopards ngo'27-12 emdlalweni wokugqibela wetumente eMonti kutshanje. Emva kokusongwa kwetumente kuye kwabhengezwa uHlumelo Zitha njengomdlali othe waqaqamba kwitumente yonke kulo nyaka.
Ziindaba eziwuvuyise kakhulu umphefumlo wakhe. Ngethamsanqa kwenzeke okuhle ebomini bakhe ebukelwe ngutata wakhe obephakathi kwenginginya yabalandeli bombhoxo ePolice Park Stadium ngomhla wokugqibela wetumente. Ukuphumelela kweWSU All Blacks khange kubothuse abantu abaninzi kulo nyaka ngoba iyidlale kakuhle itumente yaphinda yayivala ngesingqi esinye.
UZitha, 25, wenze indima enkulu kwimpumelelo efunyenwe ziintshatsheli nangona ekwenze oku kuba ephakathi kwabadlali abasemgangathweni ophezulu. "Ndonwabe kakhulu emva kokuva ukuba ndingumdlali oqaqambileyo kule tumente," utshilo uZitha ethetha emva kwetumente esongwe ekuqaleni kwale nyanga.
"Zange ndacinga ukuba ndingaze ndfumane iwonga elinje. Ngokuya bekuqala itumente, ndazixelela ukuba ndiza kusebenza kakhulu - kodwa khange ndiyilindele le yenzekileyo. Iziphumo zibonisa umsebenzi endiwenzileyo ukuze ndibe ngumdlali wetumente," utshilo uZitha ekulindeleke ancede iWSU All Blacks xa ibuyela kwiVarsity Shield kunyaka ozayo.
Lo mdlali, ophantsi kwesandla sikaPhumlani Blaauw, ubalule intsebenziswano nokuhlala kwindlela iqela ebelizilungiselela ngayo njengezona zinto ezibanike amandla. "Into esincedileyo kule sizini kukuhlala kwindlela esizilungiselele ngayo phambi kokuqala kwetumente.
"Okunye okubalulekileyo kuthi ibikukwenza umsebenzi siliqela, hayi ukudlalela isiqu sakho. Kubalulekile ukwenza into oyixelelwa ngumqeqeshi," uvale ngaloo mazwi uZitha odlala esiswini.