Abadlali beMamelodi Sundowns bevuyela igowuli emdlalweni weCAF Champions League obusePitoli.
Image: MS/Facebook
Kulindeleke ukuba kudlane iintsimbi xa kudibana neMamelodi Sundowns neqela likaRulani Mokwena. Oku kuza kwenzeka xa iDowns idibana iMC Alger emdlalweni weCAF Champions League oza kube useStade Ali Ammar, eAlgeria, ebusuku (21:00) ngoLwesihlanu.
Into eyanza umdla ngomdlalo kukuba uMokwena uza kudibana neSundowns ache wayiqeqesha enyakeni ophelileyo phambi kokugxothwa kwakhe ngendlela engacacanga. Umdlalo weChampions umnika ithuba lokubuyisa izitya - kodwa okuza kujongwa kakhulu kukuba abadlali baza kuwuphatha njani umdlalo.
Nakubeni iSundowns isiya emdlalweni ikhuthazekile emva kokuvuthulula iSaint Eloi Lupopo ngamagowuli amathathu kwelinye - kodwa uMiguel Cardoso unomsebenzi onzima wokuqinisekisa ukuba abadlali abaphazamiseki xa bedibene nomqeqeshi owayesebenza nabo futhi ebathanda.
Kunyanzelekile iMC Alger ifumane iziphumo ezincumisayo emdlalweni olandelayo ngoba ibethwe ngamagowuli amabini kwelinye yiAl Hilal emdlalweni obubanjelwe eRwanda kwiveki ephelileyo. Ngoku amahlo aza kube esePitoli.
Umdlali weSundowns ophambili, uAubrey Modiba, uthe uyakuvuyela ukudibana neqela eliqeqeshwa nguMokwena - kodwa baza kuqinisekisa ukuba bayaphumelela. UMokwena wakhonjwa emnyango yiSundowns nakubeni wayephumelele iAfrican Football League neBetway Premiership.
Wemka wayokuqeqesha iWydad Athletic Club emva koko eMorocco. Noxa engakhange akwazi ukuphakamisa indebe eMorocco - kodwa lona iqela lakhe lenza umsebenzi obhetele. UModiba bakulungele ukudibana naye.
"Sasinobudlelane obuhle naye umqeqeshi (Rulani Mokwena). Kuza kubamnandi ukudibana neqela aliqeqeshayo ngoba zange yenzeka lo nto ngaphambili," utshilo uModiba ethetha neentatheli kule veki. "Wonke umntu ujonge kusuku lomdlalo.
"Abadlali bebethetha ngaye besithi kuza kuba mnandi ukumbona ekwelinye icala. Singabadlali abawaziyo umsebenzi wabo. Kufuneka siqinisekise ukuba siyawuphumelela umdlalo.
"Indlela asebenza ngayo siyayazi noxa sisazi ukuba siza kusokola eAlgeria. Akululanga ukudlala phaya - kodwa sineqela elikwaziyo ukwenza umsebenzi," utshilo uModiba.