Ezemidlalo

USteve Barker uncoma uThabo Moloisane ofince ikhulu lemidlalo kwiStellenbosch FC

Pedro Mapelo|Published

UThabo Moloisane ngumdlali wasemva kwiStellnbosch FC nakuBafana Bafana. Photo : BackpagePix

Image: BackpagePix

Umdlali wasemva kwiStellenbosch FC, uThabo Moloisane, uqhwatyelwe izandla ngumqeqeshi wakhe emva kokuzenzela imbali.

Emva kokuba iStellenbosch ibethe iAS Otoho ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, ngeCawa ephelileyo, uMoloisane udibanise ikhulu lemidlalo.

Igowuli eliphumelele ngalo iqela laseNtshona Koloni lifakwe nguAshley Cupido emizuzwini yokuphela komdlalo emva kokungena kwakhe kwisigaba sesibini. Impumelelo ibethe iStellenbosch endaweni entle kuGroup C.

USteve Barker umncomile umdlali wakhe emva kokufinca ikhulu lemidlalo edlalela iStellenbosch FC. Njengoku sele enemidlalo elikhulu, uMoloisane ufike kwisizini ka2023/24. Kodwa ngoba uyidlale phantse yonke imidlalo yeBetway Premiership, eyeMTN8 Cup (iisizini ezimbini) neyeCAF Confederation - yiyo lo nto ekhawuleze wafika kwinani eliphezulu lo mdlali waBafana Bafana.

"Ndiyaziqhenya ngoThabo. Kwakunzima kuye emva kokuthotyiselwa kweMaritzburg United esamthatha kuyo," utshilo uBarker encumile emva kommdlalo. "Samthathela kuthi, emva koko zange aphinde wajonga ngasemva.

"NguThabo kuphela osele edibanise imidlalo elikhulu ngoba uyiqale yonke imidlalo ayidlalileyo ukusukela oko wafika. Ukufika kwikhulu yinto enkulu kuye kwaye usisebenzele kakuhle. Umsebenzi wakhe uwenze kakuhle wade wazibhaqa engena nakwiqela lesizwe.

"Xa esebaleni ulwela impumelelo ngoba ungumntu ozinikelayo emsebenzini wakhe ngamaxesha onke. Ndizingomba isifuba ngomsebenzi awenzileyo kwiStellenbosch," utshilo umqeqeshi. Ngoku iStellenbosch ilungiselela umdlalo olandelayo ukuzithemba kuphezulu emva kokuphumelela ePolokwane.

Iza kudibana neSingida Black Stars emdlalweni oza kube useZanzibar, eTanzania. Kunyanzelekile iStellenbosch iyithunuke iBlack Stars esophisayo ukuze igcini indawo yayo phezulu kuGroup C. Yona iBelouizdad, ebethe iBlack Stars emdlalweni ogqithileyo, kulindeleke ukuba iphinde iphumelele xa idlala neAS Otoho.