UBradley Cross ngethuba iKaizer Chiefs idlala ne-Al Masry kwiveki ephelileyo eYiphutha.
Image: KC WhatsApp
Abuyele ekhaya ezikhotha amanxeba Amakhosi emva kokuphulukana nomdlalo obalulekileyo. Oku kwenzeke emva kokuba ebethwe yiAl Masry ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eSuez Stadium elizweni lakwaFaro ngeCawa edlulileyo.
Iqela laseMzantsi Afrika lintingele emantla wezwekazi leAfrika ezimisele ukubuya namanqaku apheleleyo - okanye nenqaku elinye okungenani. Akubanga njalo ngoba iKaizer Chiefs yenze iimpazamo kwiindawo ezimbi kakhulu kwisigaba sesibini somdlalo.
Noxa iAl Nasry ikwazile ukulawula umdlalo kwisigaba sokuqala - kodwa ayikwazanga ukubeka ibhola emnatheni ngoba uBrandon Petersen nogxa bakhe bazamile ukuvala amazibuko. Ibinawo amathuba ambalwa iAl Nasry noxa ingakwazanga ukuwasebenzisa.
Abadlali bayo babuye bekhuthazekile kwisigaba sesibini ngoba babonile ukuba iChiefs ayihlangananga ncam. Ilifumene igowuli ngenxa yempazamo eyenziwe nguPetersen - kodwa akhawuleze aphendula Amakhosi aphinde ayiyeka yafaka elesibini sekuphela ixesha.
UBen Youssef uzamkele iziphumo zomdlalo ekhwina - kodwa wathi bafundile kokwenzeke eYiphutha. "Abadlali bethu abaninzi bebeqala ukudlala kwiConfederation Cup," utshilo umqeqeshi ezixolisa emva komdlalo ngokutsho kwengxelo ekhutshwe yiChiefs.
"Ukudlala kwiPSL kwahlukile emidlalweni yeCAF. Apha kufuneka ulwe kude kuphele umdlalo. Uphumelela ngenxa yezinto ezincinci emidlalweni. Wavuma ukuphazamiseka, uyabethwa. Ndicinga ukuba bekufanele ukuba sidlale ntanganye kulo mdlalo," utshilo uBen Youssef.
Njengokuba iChiefs ilungiselela ukudibana neZamalek eyingozi emdlalweni oza kube usePeter Mokaba Stadium emalanga ngoMgqibelo, kunyanzelekile yenze umsebenzi obhetele. "Siza kuhlalutya indlela esidlale ngayo emva koko siqhubele phambili nokwenza umsebenzi.
"Ndingatsho ukuba sifunde isifundo kwiimpazamo zethu," utshilo umqeqeshi phambi komnye umdlalo oza kutsala umdla wabalandeli abaninzi eMzantsi Afrika. Izithembile iZamalek ngoba izibethele iZESCO United ngegowuli elinye emdlalweni kaGroup D.