Ezemidlalo

Kumnandi kuMzantsi Afrika ogwebe indlala yeminyaka elishumi elinesithathu eDublin

Pedro Mapelo|Published

Amabhokobhoko aphinde enza adume ngazo ngethuba ebetha i-Ireland kowayo ngempelaveki edlulileyo.

Image: AFP

Uvakalise uchulumanco olukhulu uRassie Erasmus emva kokuba abadlali bakhe benze umsebenzi oncomekayo kwakhona. Amabhokobhoko aphinde enza adume ngazo ngokuguqisa phantsi i-Ireland ngo'24-13 emdlalweni wovavanyo ebubanjelwe eAviva Stadium, eDublin, kubusuku bangoMgqibelo odlulileyo.

Oku kuye kwamvuyisa uRassie Erasmus nabadlali bakhe ngoba uMzantsi Afrika ubuneshumi elinesithathu lonke leminyaka wagqibela ukuphumelela eDublin. Umdlalo odlulileyo ubungowesine ophunyelelwe nguMzantsi Afrika okutyelelo eYurophu.

Impumelelo yoMzantsi Afrika yenziwe ncasa ngakumbi nguMalcolm Marx ofumene iwonga lomdlali wonyaka kwihlabathi emva komdlalo. Umdlalo ubunzima kakhulu nangona kuyiwe kwixesha lokuphumla Amabhokobhoko ebehamba phambili ngo'19-7.

Abadlali be-Ireland bebezimisele kwizigaba zozibini zomdlalo kodwa bachanwe ziimpazamo ezibangele banikwe amakhadi ngusompempe. "Yimpumelelo enkulu kuthi le esiyifumene kwi-Ireland enethuba elide isoyisa," utshilo uRassie Erasmus ongoyenamqeqesi woyikwayo embhoxweni wehlabathi.

"Sivuyela ukude sikwazi ukuyibetha i-Ireland apha. Yisizini ebinzima kuthi le. Abadlali abaninzi baza kubuyela emaqeleni wabo ukusukela kwiveki ezayo. Kodwa siziva sichulumancile kule sizini emva kokubetha iqela elifana ne-Ireland emva kweminyaka elishumi elinesithathu.

"Noxa besikhe safumana amakhadi emidlalweni edlulileyo - kodwa sikwazile ukufumana iziphumo ezincumisayo. Umdlalo uburhaba kwavela nekhadi elibomvu endicinga ukuba belichanekile," utshilo umqeqeshi emva komdlalo odlulileyo. USiya Kolisi uyincomile indlela abawuphathe ngayo umdlalo oosompempe.

"Emva kwexesha lokuphumla, kuye kwanyanzeleka ukuba senze iinguqu emdlalweni," utshilo uKolisi. "Amathuba avelileyo siwasebenzisile ngoba besiyazi into eyenzeka emdlalweni. Sizikhabe kakuhle iipenela futhi siqhube kakuhle kwisikram," utshilo uKolisi emva komdlalo eDublin.

Emva kokuphumelela imidlalo emine ilandelelana, Amabhokobhoko alungiselela ukudibana neWales emdlalweni oza kube ungempelaveki eCardiff.