Iphumelele ngegowuli elinye iStellenbosch FC emdlalweni obusePolokwane.
Image: Stellenbosch FC
Kuthe qabu kuSteve Barker emva kokuba iqela laphumelele ngomzuzu wokugqibela. Oku kwenzeke emva kokuba iStellenboch FC ibethe iOtoho d'Oyo ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium namhlanje emalanga.
Kuye kwanyanzeleka ukuba iStellies iyokudlalela kude nekhaya ngenxa yokulungiswa kwebala elisebenzisayo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla ngoba khange kubekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini kwisigaba sokuqala somdlalo.
Ibikhona imingqandandana yamathuba efunyenwe yiStellenbosch FC. UDevon Titus noKhomotjo Lekoloane bazamile ukufumana amagowuli - kodwa indlela yabo ivalwe ziindwendwe. Kuthe kwakungalungi kwisigaba sesibini, uBarker ufake uThato Khiba, Ashley Cupid noSanele Barns.
Izinto ziye zajika emizuzwini yokugqibela emva kokuba uCupido efake igowuli elincede iStellenbosch FC. Kwelinye icala, ibiyimini enkulu kuThabo Moloisane odibanise ikhulu lemidlalo engumdlali weStellenbosch FC.