Ezemidlalo

Abuyela ekhaya eqhwalela Amakhosi abethwe ziimpazamo zawo

Pedro Mapelo|Published

Amakhosi abuyela ekhaya emva kokubethwa eYiphutha namhlanje ngorhatya.

Image: KC Facebook

Amakhosi abuyela eMzantsi Afrika eqhwalela emva kokubethwa emdlalweni wanamhlanje. Oku kwenzekele emva kokuba ebethwe yiAl Masry ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weCAF Confederation Cup obuseSuez Stadium namhlanje ngorhatya.

Ukubethwa kweKaizer Chiefs emdlalweni wanamhlanje kuthetha ukuthi ayikaphumeleli xa idlalela elizweni likaFaro. Ngumdlalo ebekufanele ayibethwanga kuwo iChiefs lo wanamhlanje - kodwa kuye kwenzeka ngoba yenze iimpazamo kwiindawo ezimbi eziyibethise ngeMasry.

Iqela ebelidlalela ekhaya lelona belingcono kwisigaba sokuqala. Amakhosi ebengxama xa ephethe ibhola futhi eyilahla esekude kwiindawo ebengabetha kuzo iMasry. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elibhalisileyo ebhodini.

Iqale yabhakuzelisa umnatha iMasry emva kokufumana ipenela eyenziwe nguBrandon Petersen. Aphendule Amakhosi ngegowuli elifakwe nguSolomons. Ngelishwa iChiefs yoyiswe kukuchitha ibhola endaweni embi. Amakhosi aza kubuyela ekhaya ukuze alungiselele umdlalo wesibini weCAF Confederation Cup.